Siyabulela Mqikela
Ukusukela ngaphambi kokufika kwabasemzini kweli lizwekazi lase-Afrika abantu balo mhlaba babephila ngokuzenzela ngezandla zabo bevelisa ukutya, izinto zokunxiba bekwakhulisa iintsapho zabo.
Inkosikazi yaseNU15 eMdantsane uNtombentsha Nokwezi Myekwa usebenzisa inkolo yakhe ukuphucula ubomi bakhe nabantwana bakhe. “Ndikholelwa ukuba ngenkolo le yesiNtu ndingaziphilisa mna kunye nabantwana bam, ndingakhange ndiye kucela msebenzi okanye isonka komnye umntu,” utshilo ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe lesi Xhosa. Uthi ukhulele kwikhaya elikholose kakhulu ngamasiko kwakunye nezithethe zesiXhosa, kodwa akufundileyo koko kukuba le nkolo iyakwazi ukuguqula impilo yomntu xa esukuma ezenzela ngezandla zakhe buphucuke ubomi bakhe.
Ukusukela kwiminyaka emibini egqithileyo le nkosikazi yazixelela ukuba iqalise ukuvelisa impahla ezithungwe ngezandla ukuze ithengise, ikwazoba imifanekiso emva kokufundiswa ngumntu awayemsebenzela.
“Zininzi izinto endizenzayo apha, ziqala kwimibhaco, imihlehlo, izidanga, oophalaza kwakunye nale mifanekiso uyibona apha edongeni ndiyizoba ngeezandla zam,”utshilo uMyekwa. Xa ezoba imifanekiso yakhe uthi uzoba ingxam yale nto anqwenela ukuyizoba ngepensile ephepheni elimhlophe. “Phezu kwale nto izotywe ngepensile uye ufake ipeyinti ilandela lo mzobo ubuwenze ngepensile, ngolo hlobo uphuma nomfanekiso omhle ngolona hlobo,”utshilo.
Uthi wazangezela ulwazi lokukuzoba emva kokuba efunde kweso sihlobo sakhe (Ann Robertson) ngokuhamba ejonga imisebenzi yabanye abazobi nabathungi.
Ngemali yokuzoba nokuthunga uNtombentsha ufundisa abantwana bakhe ababini, kwaye uyakwazi ukuthenga izinto ezibalulekileyo eziquka impahla yendlu ehombisa ikhaya lakhe. “Omnye wabantwana bam ufunda ibanga lesine lo gama omnye efunda ibanga lesibhozo, kwaye andinayo enye into endenza imali ngayo ngaphandle kokuzoba le mifanekiso kwanezi mpahla,” utsho uMyekwa. Uthi kuye kubekho abathengi abathenga isethi epheleleyo yezinto azithengisayo, kwaye abo ngabanye babantu abaye benze ukuba afumane imali ebonakalayo. “Xa sithetha ngesethi kaloku sithetha ngeempahla eziquka umbhaco opheleleyo , nazo zonke iintsimbi ezihombisa umthengi lowo,abanye ke baye bafakele nale mifanekiso okanye bacele ukuzotyelwa iznto ezithile,”utshilo. Njengabo bonke abantu abazama ukuphila ngokuzenzela kweli uNtombentsha unengxaki yokudinga uncedo olunokukhulisa umsebenzi wakhe wokuthanda isiNtu kwaneemveliso ezihambelana nenkolo yesiNtu. “Sidinga kakhulu uncedo lokuba siye kwindawo esinokuthi sithengise umsebenzi wethu esidlangalaleni, okanye amacebo okukhulisa le nto sele siyenza ngoku,”utshilo uNtombentsha. Uhambisa athi izinto zokusebenza eziquka ipeyinti, amalaphu, iintsimbi kwakunye nerhali bayazithengela, kwaye badinga ukuncediswa ngamandla ngurhulumente okanye amashishini abucala.