Siyabulela Mqikela
“Ukuthobela imiqathango nemigqaliselo yezoshishino sisixhobo sokuqala nesokugqibela esenza ukuba ubani aphumelele kwezoshishino” La ngamazwi ka Doris Msomi ophile ixesha elide lobomi bakhe ethengisa impahla azithunge ngokwakhe ngokungena indlu nendlwana kwiilokishi zaseMtata eziquka iNcambedlana.
“Ndakruquka kukuhlala endlini, ndaza ndaqala ukwenza eli shishini ngokuthengisa impahla ndingena ezindlini zabantu,” utshilo uDoris.
“Amacebo okukhulisa ishishini aquka ukuba uze neendlela ezahlukileyo zokukhulisa ishishini elo, ngoku ufakelele izinto ezintsha kule mveliso uyenzayo,” utsho uDoris.
UDoris uthi osomoshishini bangoku babethwa kukuba abanamonde xa beqalisa ukushishina, kuba bakhangela inzuzo enkulu umntu esandula kuqala ukusebenza, lo nto yenze ukuba angagxili ngokukuko emsebenzini wokukhulisa ishishini lakhe.
Le nkosikazi ichopha kwimarike evulelekileyo kumbindi wedolophu yaseMthatha yonke imihla ithengisa izinto zayo eziquka impahla ethungiweyo enje ngamajerimane, amadakhi, imibhaco kwakunye nempahla athi azithenge aze aphinde kwayena azithengise.
Lo mama uthi akukho nto ayikhalelayo kurhulumente kuba esithi urhulumente wephondo leMpuma Koloni uyabancedisa ukuhamba kwiindawo ezahlukileyo zokuthengisa iimveliso zabo.
“Urhulumente usithumela eSajonisi naseRhini kumnyhadadala womculo womngqungqo (Grahamstown International Jazz Festival) nakwezinye iindawo, apho ke sithi sifumane ithuba lokuba sithengise iimpahla zethu,” itsho ingxelo kaDoris.
UMsomi akakholelwa ukuba ukuphumelela kweshishini lakhe kuxhomekeke kurhulumente wephondo okanye kazwelonke, kodwa ukholelwa ukuba ngamacebo abo kwanokuzinikezela kwabo bengoosomashishini.
Ngaphandle kokuzithengisela akhulise iintsana zakhe, ukwazile ukuba afundise iintombi zakhe ezimbini uAnele Msomi kwakunye noZoliswa Msomi indlela zokuqhutywa koshishino.
“Mna ndathenga inqwelo mafutha emva kokukhula kweshishini lam, kwaye ndiphila ubomi obungcono kakhulu ngenxa yokushishina,” utshilo uZoliswa ngethuba encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.
UZoliswa uhambisa athi ushishino yinto yabo kweli khaya kuba abakwazi kwenza enye into ngaphandle kokushishina, kwaye sele benze izinto ezinkulu ngemali yokushishina, ukanti u-Anele Msomi uthi yena wakwazi ukuzakhela indlu ngenxa yokuthunga impahla aze ayithengise kamva.”
Abantu abafuna ukubona inguqu ezimpilweni zabo mabalithathe eli cebo lisuka kurhulumente lithi abantu mabavuke bazenzele ukuba bafuna ukubona inguqu.
“Kurhulumente singacela nje iindawo ezizizo zokusebenzela ukuze sikwazi ukusebenza sikhululeke ezimvuleni nakwazinye izinto sibe neendawo zokubeka isitokhwe sethu,” utshilo u-Anele.
Ukusilela kolwazi kubantu bamashishini asaqalayo kukhangeleka ikuko okubangela ukungakhuli ngokukhawuleza kwala mashishini.
Oku kungenxa yokuba akho amathuba avulwe ngurhulumente ajoliswe ukukhulisa la mashishini kodwa ababonakali ukuba banolwazi aba somashishini bakhulayo.
Ulwazi olukhutshwa lisebe lorhwebo noshishino alifikeleli ngoku kuko kubantu bonke belizwe loMzantsi Afrika ingakumbi ngenxa yomcimbi welwimi ezithi zisetyenziswe ukuhambisa olu wazi, nezixhobo zonxibelelwano ezithi zisetyenziswe nazo zenza ukuba abantu bangafikeleli kulwazi oluqulathwe zezi ncwadana, okanye amaphepha.
Umzekelo woku iyakuba liphephandaba ekuthwa yi-Connect elikutshwa inyanga nenyanga lisebe lorhwebo noshishini lisoloko libhalwe ngolwimi lesiNgesi, kwaye oku kwenza ukuba abantu boyike kwa ukusondela kulwazi oluza kubo ngolwimi lwesiNgesi.