News

Amandla asezandleni zolutsha

Siyabulela Mqikela|Published

Siyabulela Mqikela

“Eli lizwe liyakuya phambili kuphela xa abantu abatsha bedlala indima ephambili ekuzixhobiseni ngezakhono kwakunye nemfundo.”

La ngamazwi wenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle ngethuba ethetha nenginginya yabantu abebezalise iholo yedolophu yaseMount Frere izolo nalapho bekuqhutywa khona izikhumbuzo yomhla wolutsha (June 16).

Lo kaMasualle ulandele ekhondweni lezithethi ezininzi ezithi liphelile ixesha lokuthetha ngembali koko eli lixesha lokwenza. Ephelekwa ligqiza labaphathiswa bephondo uthembise ulutsha ngeenkqubo ezizayo ezijolise ukuphuhlisa ulutsha.

“Ingaphelanga inyanga kaJulayi kulo nyaka sizakuba sisazisa ngokusesikweni iinkqubo ejoliswe ukuphuhlisa abantu abatsha ngokukuko apha ephondweni (Youth Development Framework),” itshilo inkulumbuso.

Uhambisa athi phantsi kwesi sicwangciso kulindeleke ukuba kwenziwe iinzame zokwenza ukuba kubelula kubantu abatsha ukuba baziphuhlise. Ukanti umphathiswa wesebe lezimali kweli phondo umnumzana uSakhumzi Somyo ungqinele amazwi enkulumbuso kwakunye nezinye izithethi ngokunciphisa ukuthetha enikisa ngemali yokusebenza. USomyo unikise ngemali ekumakhulu amabini anamashumi amathandathu amawaka eerandi (R260 000) kwiprojekthi ezimbini. Ingxelo ithi ezi projekthi ziza kusebenza kumaphulo okulwa indlala eMount Frere naseMbizana.

Le ngxelo ihambisa ithi iprojekti nganye kwezi izakufumana imali yayo engamakhulu amabini anamashumi amathandathu amawaka eerandi. Le mali kulindeleke ukuba isetyenziswe ukulwa indlala ngokuthi kukhuliswe iinkqubo zezi projekti nekusalindeleke ukuba zityunjwe ngokuthi zifake izicwangciso zazo kwisebe lezimali ephondweni.

Inkulumbuso iqukumbele intetho yayo ngokubongoza abantu abatsha ukuba bathabathe inxaxheba kwezemidlalo besebenzisa amathuba avulwa ngurhulumente wephondo.

Le nkulumbuso ikwamemelela kumagosa orhulumente wayo ukuba aqinisekise ukuba iinkqubo zonke zikarhulumente zinike ithuba abantu abatsha ukuba bazibonakalise.