News

Ulutsha luxovula imiba yalo

Abongile Ginya|Published

Eastern Cape-14-06-2015 Abafundi bezikolo zephondo leMpuma Koloni,ngethuba bexhobisana kwi nkomfa ejingene nemiceli mngeni ejongene nolutsha.Umfanekiso I'solezwe lesiXhosa Eastern Cape-14-06-2015 Abafundi bezikolo zephondo leMpuma Koloni,ngethuba bexhobisana kwi nkomfa ejingene nemiceli mngeni ejongene nolutsha.Umfanekiso I'solezwe lesiXhosa

Abongile Ginya

Imiba exovulwe kwinkongolo yolutsha olungamantombazana nebikhwetywe liqumrhu lakwa Soul City ichukumise nangakumbi iintliziyo zolutsha obeluyinxalenye nalenkongolo, bambi becinga emva ngeziganeko zoxhatshazo kwanongcikivo abanye babo esele zikhe zabehlela abangamaxhoba kuzo.

Le nkongolo, nebintsuku-ntathu, iqale ngoLwesihlanu yaqosheliswa izolo.

Ibizele imi ngeembambo iholo iLekkeroord Christian Camp Site eMonti, ngabafundi bezikolo ezahlukeneyo abaphuma koomasipala bonke bephondo leMpuma Koloni, ukusukela kumaphandle aseBizana ukuyo kuqhina eBhayi.

Ezona zinto bezisetafileni kule nkomfa yimiceli-mngeni ejongene nolutsha efana neendidi zonke zokuxhatshazwa, udlwengulo, usuleleko kwisifo sikagawulayo, ukukhulelwa kwamantombazana aselula, uxhwilo labantwana abangamantombaza bathunyelwa kumanye amazwe kwanokuthwalwa, ngakumbi kwingingqi yaseMampondweni.

Ulutsha beluxhotyiswa ngemalikwenze ngakumbi kwabo bathe bachaphazeka.

UThoko Budaza weSoul City uvakalise ukuba iingxaki ezijongene nolutsha lwabasetyhini zaziwa ngabo kuquka nezisombululo ikwa zezabo, kungoko bebambe lenkonkongolo yokuxhobisana nabo, nangakumbi ngemicelimngeni abajongene nayo ekukhuleni kwabo.

“Sinethemba elikhulu lokuba obekule nkongolo uzakuphuma ehluthi kwaye sifuna bafike batyale olulwazi bathe baxhotyiswa ngalo apha kwindawo ngendawo zabo zokuhlala. Kukhona nabantwana abasuka ezilalini apho kusenzima ukuba umntu ahlale phantsi athetha ingxaki yakhe nomzali wakhe, lithuba eli elokuba babhodle okubatyayo,” utshilo uBudaza.

Ongumfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iCofimvaba High nongusihlalo we- Young Women On a Mission uthi ibafundise lukhulu le nkongolo, “Sizakuncedakala kakhulu thina kuba owona mceli-mngeni sinawo eCofimvaba kukumitha kweentanga zethu ngenxa yokungabi nalwazi ngezinto ezifana neekhondoms nanjengoko sisezilalini.”