Abongile Ginya
Ikhaya eligcina abantwana abaphila nesifo sikaGawulayo eZiphunzana eMonti likhalela uncedo kuye nabani na onokuthi alibonelele kwimiceli-mngeni elijongene nayo.
Abantu abagcinwa kweli khaya balishumi elinesihlanu bebonke. Omdala kubo uneminyaka engamashumi amathathu logama omncinane eneminyaka emibini kuphela ubudala.
UNonkululeko Maneli, umnini wale ndlu igcina aba bantu, uthi ukujonga abantwana abagulayo kwanokukhathalela umntu, nokuba sengengowakho, yinto awayincanca kubazali bakhe esakhula.
UManeli uthi wayiqala eseseGoli into yokutyelela abantu abagulayo wade wabe uzozibona sele kugcwala kwakhe.
“Aba balapha bendiye ndithi ndakufika kwikhaya elithile ndifike kugula umntwana kwakunye nonina ibe imeko imbi kwelo khaya. Abanye abantwana abalapha abanabo abazali logama abanye benabo qha iyimpatho engentlanga ekhayeni, engatyi neepilisi ngokwendlela ayalelwe ngayo,” utshilo uManeli
“Aba bantwana abanye babo abayifumani nemali yesibonelelo sikarhulumente kuba abanabo abazali. Ndisajongene nobobunzima obunjalo okwangoku. Imali esiphila ngayo apha yeyam kwakunye nekamama,” utshilo uManeli.
UManeli uthi baphila ngokumana bebonelelwa ngabo bantu basekuhlaleni bathe babacinga kwakunye nenkonzo yakhe kwinto yokutya.
Uthi baninzi abantu ababethe baza kunceda kubekho elo themba kodwa bavele baphelele emoyeni kungade kubekho nto izayo. “Aba bantwana bayaya nasekliniki ukuyokuthatha amachiza abo iintsuku zabo sele ndizazi kwaye bayaya nasesikolweni ezahlukeneyo- iKusile, iNompumelelo kwakunye neMakinana. Eyona nto ndiyicelayo nakurhulumente ngumatshini wokuvasa iimpahla kuba xa kubanda kunzima nokwenza impahla engaka yabantwana,” utshilo uManeli, ekwathi indlu yakhe iyavuza ngethuba lemvula.
Omnye wamaxhoba ahlala naye (29), nonabantwana ababini, uthi kwimeko awayefike ekuyo wayengatsho ukuba uya kuba kanti usaphila. Uthi ngokufika kweli khaya, wafumana inkxaso kwanethemba, “Ngokubanesifo sikaGawulayo asikokuphela kobomi endaweni koko uThixo usinika ithemba lokuba uphile kubomi besibini, i-ARVs zibalulekile kwanokubanethemba ngobomi ngundoqo xa ungumntu ophila nesi sifo.”