News

Liphinde lafika ixesha lokwalusa: Ucela intsebenziswano uDimaza

Siyabulela Mqikela|Published

Siyabulela Mqikela

Ikomiti ejongene nemicimbi yezempilo kwipalamente yephondo leMpuma Koloni imemelela intsebenziswano emandla phakathi kwabazali, iinkosi zemveli, amadoda kwakunye noluntu ngokubanzi ngeli xesha lokuthunyelwa kwabantwana esuthwini.

Usihlalo wale komiti uMxolisi Dimaza uthi iinkosi zemveli zinoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantwana bayakhuselwa xa bezakuya esuthwini nanjengoko lifikile ixesha lokwenza eli siko libaluleke kangaka.

Kudliwanondlebe nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa lo kaDimaza uthi nabo banomnqweno wokubona amanani abantwana ababhubhela esuthwini lihle okanye kungabikho namnye umntwana obhubhela entabeni. “Ngo-2009 siyikomiti yezempilo ephondweni sasicebisa ukuba makwenziwe indawo enye apho abantwana bazakwaluselwa khona ingakumbi kwiindawo ezineengxaki nje- ngasemaMpondweni,” utshilo uDimaza. Uthi ukucwangciswa kwendlela ekuqhutywa ngayo eli siko kumele ukuba kuquke wonke ubani ochaphazelekayo.

Kutshanje urhulumente wephondo leMpuma Koloni ufake imali eqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi ngeenjongo zokuphucula umsebenzi owenziwa ngamagosa ela sebe ngokukodwa lawo ajongene neendawo ezalusa abakhwetha.

Ziinqwelo mafutha ezingamashumi amathathu anesihlanu ezithe zagqithiswa kumakhankatha ela sebe kwiveki ephelileyo ngeenjongo zokukhuthaza ukuba kwenziwe umsebenzi wokukhankatha ngaphandle kwengxaki. Iphondo leMpuma Koloni lisoloko liphambili ngamanani wabakhwetha abathi babhubhele eSuthwini, kodwa kunyaka ophelileyo lihlile inani labakhwetha abathe babhubha eMpuma Koloni.

Ukanti isebe leMpilo kuzwelonke kwelalo icala liyaqhubeka limemelela ukuba abantwana bathunyelwe kwizibhedlele zikarhulumente ukuze boluswe ngokwasesibhedlele. Umphathiswa wela sebe uGqirha Aaron Motsoaledi uthi unqwenela ukubona amadoda akwisigidi esalukela esibhedlele kulo nyaka mali, ukuze kunyaka ozayo u-2016 ibe ngamadoda akwizigidi ezine azakuthi aluswe esibhedlele.

Liphinde lafika ixesha lokwalusa: Ucela intsebenziswano uDimaza