Ogqirha abaphuma kwilizwe laseCuba bekunye nomphathiswa wezempilo ephondweni uPhumza Dyantyi. Ukusuka ekhohlo nguGqi.Yovanis Ciro Azahares Aliga Odayls Belen Moren, umphathiswa phakathi, Jose Felipe Mendes onus kwakunye nogqirha waseCuba uAntonia Mesa. Michael Pinyana. Ogqirha abaphuma kwilizwe laseCuba bekunye nomphathiswa wezempilo ephondweni uPhumza Dyantyi. Ukusuka ekhohlo nguGqi.Yovanis Ciro Azahares Aliga Odayls Belen Moren, umphathiswa phakathi, Jose Felipe Mendes onus kwakunye nogqirha waseCuba uAntonia Mesa. Michael Pinyana.
Abongile Ginya
Kubonakala ngathi iimeko zempilo zizakuphucuka kwiphondo leMpuma Koloni, nanjengojko isebe lezeMpilo kweli phondo lithe lamkela oogqirha abathathu izolo abaphuma kwilizwe laseCuba nabazakutyalwa kwizibhedlele ezintathu ezikumaphandle eli. “Sizokunamnkela kweli phondo lethu lihle apho nizakube ninceda uluntu ngokuhlukana kwalo kwanalo lungathathi-ntweni, sinebhongo ngokufumama aba gqirha baseCuba elizweni lethu ingakumbi kweli phondo. Ubukho kwaba gqirha kweli phondo kwakubaluleka kwaye kubelulutho kwiimpilo zethu kuba ilizwe lethu lijongene nezifo ngezifo ekufuneka zinyangiwe,” utshilo umphathiswa weli sebe uGqirha uPumza Dyantyi.
“Kumnandi ukuba aba girha bafike xa kanye eli sebe lizakwenza uhlahlo-lwabiwo luka2-015-16,” utshilo uDyantyi ngethuba bekubanjwe umsitho wokwamkela aba gqirha kwindawo iThe Venue eHemingways eMonti izolo.
UDyantyi uthi, aba gqirha kulindeleke ukuba bahlale iminyaka emithathu kweli phondo. Aba gqirha bathathu bazakubekwa kwizibhedlele ezahlukeneyo kweli. Ezi zibhedlele ziquka iGrey eQonce, iHoly Cross eFlagstaff kwaneStekstroom ephantsi komasipala iChris Hani.
UGqirha uJose Felipe Mende Onuz, nongomnye woogqirha ababenenyhweba yokubekwa kweli phondo, uzakusebenza eSterkstroom. “Akukokuqala ndisiza apha ndihleli iminyaka emine ukusuka ngonyaka ka-2001 ukuya ku2005 kwisibhedlele saseNgcobo i-All Saints. Ndiyavuya ndiphinde ndabuya sele ilelinye lekhaya lam iMpumaKoloni kumnandi nangakumbi kuba ndiyasazi nesiXhosa andizusokola kakhulu kwaye nemeko yabantu basezilalini ndiyayazi,” udize oko u-Onuz.
U-Odalys Belen Moren nongowasetyhini ozakube ekwisibhedlele saseGrey kwaye uthi kokokuqala yena esiza kweli. “Ndizimisele ukwenza umahluko kwimpilo,” utshilo uMoren. UYovanis Ciro Azahares Aliga uzakubekwa kwesaseHoly Cross.
UDyantyi uthe: “Sibone kukho ukunqongophala koogqirha kwiindawo zethu zokuhlala. Yiyo lo nto sibize oogqirha belizwe laseCuba. Sifuna nokuba kuphucuke iinkonzo eziya eluntwini.”