Siyabulela Mqikela
Icela uncedo nokuba lolunjani indoda eminyaka engamashumi amathathu anesibhozo yaseLady Frere kwingxaki yesifo esenza nzima ubomi bakhe ukusukela ngonyaka ka1987.
UThabiso Qebe uthi ngenxa yale meko wanyanzeleka ukuba ahlukane nempangelo nanjengoko engakwazi kuhamba okanye ukuma ngenyawo ixesha elide. “Xandihambile ndinyanzeleka ukuba ndisebenzise ipilisi ethile ekuthwa yideclofency ngenjonogo zokuba ndilwe nentlungu nokudinwa kwezinyawo,” utshilo uQebe.
Ingxaki ka Qebe yaqala ngonyaka ka1987 emva kokuba wathi waphuma amaqhakuvana amancinci athi abangela izilonda ezasuka zagcwala yonke indawo.
Ndaka ndafumana uncedo kwindoda yeNdiya ethile eRhawutini isithuba seminyaka emihlanu ingekho lento, kodwa ndasuka ndakrwentshwa lidiza yavuka kwakho, utshilo lo kaQebe. Ingxelo yogqirha abahlukileyo ithi lo kaQebe unezilonda ekuthwa zi-Ulcers kwizihlunu zakhe, kwelinye icala abagqirha bathi iintunja zofele lwakhe zixinene kwaye lonto ibangela uxinzelelo kwimithambo yakhe.
. “Ndimncinci ndifuna ukusebenzela abantwana bam, qha ndisengxakini ngenxa yalemeko andikwazi kuzalisa iminqweno yam neyabantwana bam,” utshilo. Uthi isibonelelo sokhubazeko asifikeleli kuninzi lengxaki zakhe.
“Andikwazi ukuya kumanye wamadinga endinawo nogqirha kwindawo ezikude kuba imalana endiyifumanayo ndondla ababantwana, kutshanje ndiposwe lidinga ebendinalo nogqirha eRhawutini,” utshilo.
UQebe uthi uvela kogqirha abahlukileyo, kumagqirha kwakunye nabathandazeli kodwa akancedekanga. “ ngoku ndicela ngunkosikazi wam nguye osebenzayo,” utshilo uQebe.