Abongile Ginya
Kubonakala ngathi uzakuphela edinga indawo yokuhlala umama welali yaseZikolotha eXhorha ngenxa kagquphu womlilo omngcungcuthekisayo kumzi wakhe umhla nezolo.
ULandiswa Mbonelwa-Sangoni onamashumi amabini anesibhozo ubudala eminyaka nongutitshalakazi woonomngqushwana (GradeR) kwisikolo iZikolotha uthi uphila ubomi bentshontsho ngenxa yalo mlilo.
Uthi unyaka ka-2015 umphathele isimanga somlilo osoloko uthe gqolo uqhambuka phantsi kwebhedi nathi isimanga sesokuba utshisa eyakhe yodwa impahla awuyichaphazeli eyomnye umntu.
Ebethetha nephepha-ndaba eli I’solezwe lesiXhosa ebalisa ngomlilo ogqugqisa kwakhe. “Lo mlilo uqale ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yoKwindla kulo sikuwo unyaka. Ndandingekho kwaqhambuka umlilo phantsi kwebhedi yam yatsha yaphela ibhedi.
Ngosuku olulandelayo umhla weshumi elinesixhenxe ndithe ndisesikolweni ndaphinda ndeva kukhwaza kusithiwa kuyatsha indlu ka-Eight kona wakwam yaphela yonke into engaphakathi. Lo mlilo awuzange unqandeke.”
“Isimanga sesokuba lo mlilo xa uqalisa ukunqandwa uza ngqo kulowo uzokuhlangula nto leyo yenza abantu bachasele xa kuqalisa ukutsha. umzuzu nje xa ndiphuma phandle ndibuya kusitsha. Ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwakwinyanga enye waqalisa kwiflethi yam enamagumbi amathathu nangona wona wakwazi ukucimeka nawo uqale phantsi kwebhedi. Umnqa owenzeke okokugqibela kutshe umatrasi kwaneengubo endandizikhuphe phandle zavutha ngumlilo ngoku ziphandle,” udize oko uMbonelwa-Sangoni.
Uqhube wathi kwakwezo ntsuku ehlamba impahla yakhe kwimpahla ewayeneke phandle wafika ingekho eyakhe kushiyeke ezabantwana.
Kumthandazo owawuyofakwa ngoomama bakhe benkonzo uthi bathi begqiba nje waqalisa kwelinye igumbi lo mlilo. Uthi uyile nasebantwini besiXhosa ukuyochana umhlola akwabikho ncedo sekunjalo.
Olilungu lekomiti kuwadi 17 kumasipala waseMbhashe uZithobele Bayiyana uthi yintlungu le yalo mama. “Nabani na onokuba noncedo amncede kule ntlungu akuyo kuba akasayi nasemsebenzini ugade lo milo. Uzakutya ntoni engaphangeli kuba kaloku lo mlilo uyaqala awubikho xa ekhona ,” udize oko uBayiyana.
UMbonelwa-Sangoni uthi uluntu lwalumnikile indlu karhulumente akuphelelwa ngumzi. Lo ndlu yatsha kwangulomlilo. Kubongozwa nabani onokuba noncedo atsalele kwezi nombolo 043 721 1547