Siyabulela Mqikela
Kulindeleke ubukho bee-kumkani eziphuma kwizindlu zamanye amakomkhulu awahlukileyo kweli loMzantsi Afrika nangaphandle koMzantsi Afrika, ngethuba kuzakuba kusembathiswa ngengubo yobukhosi iKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu eNqadu kuGatyana ngoLwesihlanu.
Othethe egameni lekomkhulu lamaXhosa uNkosi Xhanti Sigcawu uthi balindele iKumkani yama Mpondo uZanozuko Tyelovuyo Sigcau, uKumkani u-Enoch Mabena waMandebele, uKumkani uToni Mphephu wama Venda, uKumkani uLetsie wesithathu wase Lesotho kwa noKumkani uMswati wase Swazini. Isebe elijongene nemicimbi yeenkosi zemveli kweli leMpuma Koloni liqinisekise ukuba aqhuba ngempumelelo amalungiselelo alomsebenzi. Othethe egameni lelisebe uMamkeli Ngam uthi bebambisene nekomkhulu lamaXhosa baqhuba kakuhle ukwenza amalungiselelo okubekwa kukaZwelonke.
“Amalungiselelo akwiqondo eliphezulu kakhulu, kwaye senza konke ukuqinisekisa ukuba abantu ingakumbi abakwindawo ezikufutshane bathatha inxaxheba,” utshilo uNgam.
Le kumkani inikwa le ngubo emva kokuba yathi yashiywa nguyise uKumkani uXolilizwe Sigcawu kweyoMnga ngo2005 emva kwengulo ende.
“Sisebenzisa iintlanganiso zophuhliso zoomasipala, amajelo endaba aquka amaphepha-ndaba kwanezinye iindlela zonxibelelwano ukuqinisekisa ukuba sifikelela kuye wonke ubani ochaphazelekayo,” uthethe watsho uNgam.
Iindlela ezingena ebhotwe kwanezo zinxibelelana neli bhotwe ziyalungiswa ukuqinisekisa ukuba elikhaya liyafikeleleka kulonginginya izakuba izimase lomcimbi wokunikiswa kwengubo kulekumkani.
Ukanti izindlu zase Bhotwe nazo ziyalungiswa ukuqinisekisa ukuba zikumgangatho ofanele lomsebenzi nekulindeleke ukuba uzinyaswe zikumkani eziphuma kumazwe ahlukileyo ase Afrika kwanezo ziphuma kweli loMzantsi Afrika. Ingxelo ithi okwa ngoku akukho magama aqinisekisiweyo kwezo kumkani zizakuzimasa lo mcimbi nangona izimemo zaphumayo ukuya kwamanye amakomkhulu.
UMongameli uJacob Zuma ekunye nenkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle kulindeleke ukuba bawuzimase lo msitho.