UTando Songwevu linenekazi laseGcuwa elikhula ngendlela encumisayo kwezoshishino. Sithetha nje ungumseki wenkampani yezonxibelelwano i-Embo Media.
Le nkampani iqale ngonyaka ka-2011 kwaye ijongene isikakhulu nokuphuhliswa kolutsha, ukukhulisa nokukokoswa kwamaphulo angqamene nophuhliso lwezoqoqosho nenkcubeko.
USongwevu ufundele icandelo lonxibelelwano noluntu (Public Relations) kwakunye nolawulo lwamaphulo (Project Management). Le nzwakazi ikwafundile nakwisikolo esijongene nebuyambo yase Afrika, iThabo Mbeki African Leadership Institution (TMALI) ekwiYunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa). Usebenzile kumaziko afana neSABC, Nedbank, Expert Group phakathi kwezinye indawo.
Intatheli yeli phepha-ndaba, I’solezwe lesiXhosa, u-Abongile Ginya uncokole noSongwevu embuza ngokuthe gabalala.
Uye nini eRhawtini kwaye ingaba wawuyele eli khono ukulo sithetha nje?
Ukuqala kwam ukuya ePitoli ndiye ngo -1996 ndihamba notata wam ongasekhoyo uSandiso Songwevu, uJolinkomo - iqhawe elalingumsebenzi eMthatha, eBotha Sigcawu esiya ePitoli emva kokubekwa komongameli wokuqala omnyama uNelson Mandela.
Ngo-1996 ikwangunyaka apho utata wam waye wanditshintsha ifani yam ndasebenzisa uSongwevu ndiyeka uMbiko; ekamama wam. Kusenjalo ikwangunyaka apho izikolo zeBantu zaziqalisa ukudityaniswa nezo zabantu abamhlophe, nendisakhumbula ukuba yayilelona xesha linzima elo xa ndandiqalisa kwisikolo iDe Heuwel Primary ePitoli.
Ndandingomnye owayebamela oogxa bam esikolweni kucalu-calulo olwalusenzeka ngaloo nyaka ukuze ndide ndibe ndiyonyulwa ngabafundi kwi-SRC ndabangumfundi omele abafundi.
Ndicinga ukuba kulapho ndaqalisa khona ukubona ukuba ndingakwazi ukuzimela kwanokuyimela into endiyifunayo. Emva kweminyaka ndaphuma ndayokufunda kwisikolo iHillview apho ndaye ndaphumelela khona ibanga leshumi ngo-2001. ndaphuma ndayokwenza iDiploma yam eWits Technikon.
Into eyandenza ndayeka phakathi eWits kwaye kwafuneka ndiye kwilizwe laseMauritius nanjengoko utata wam wayethunyelwa khona ngumsebenzi wakhe. Kuvuyo endandinalo lokubaseMaritius ikwangunyaka apho kwaye kwatshaba utata wam sikwelo lizwe kwaba kubi kwatshabha yonke into kum.
Makabe ngumntu onjani umntu ofuna ukuba kule ndawo ukuyo?
Makabe ngumtu ozithembayo, osebenza nzima, oyaziyo into ayifunayo. Umzekelo mhla ndaye ndayeka emsebenzini ndabeka iintambo phantsi ndibuyela esikolweni, ndaye ndohlukana neziyolo zobusuku ndaqalisa ukuxabisa umsebenzi wam ndasebenzisa kangangoko nexesha lam endilifumanayo.
Uqale nini? Uqale ngaphi ukuzimela kwaye wenza njani ukuba ube namhlanje ulapha?
Ngonyaka ka-2005 ndaye ndafumana umsebenzi njenge data capturer into engangeenyanga ezimbini nendaphela sele ndiyi executive assistance into engangee nyanga ezisibhozo.
Emva koko ndaye ndaqashwa kwi ofisi yezonxibelelwano ngo-2006. Ndaphinda ndafumana kwiqela lakwa Expect Group ngelo xesha ndiphangela nje ndiyafunda. Ndaphuma ndayokusebenzela nebhanki uNedbank, emva koko ngo-2007 ndabe ndifunwa phantsi phezulu kwakhona nguSABC endandikhe ndamsebenzela ndisebenza kumabonakude kwicandelo lezemidlalo apho ndaye ndasebenza iminyaka emine ndemka ukuba ndiyokuqalisa i-EMBO Media ejongene nokohlukana kweenkcubeko zabantu abamnyama.
Ndandifuna ukufundisa ngemvelaphi kwanokukhulisa amasiko ethu ngokohlukana kwawo kwaneelwimi zethu kuluntu lwaseAfrika.
Umphako kumntu ojonge kuwe, omtsha?
Zazi wena ukuba ungubani kwaye ufuna ntoni, zithembe, uzithande, uthandaze, ubenama-phupha ngobomi xa ungumntu. Ukuba awuphuphi awuyikuphumelela kobu bomi.
Yintoni ekwenza uzidle ngomsebenzi wakho?
Kukuba ndidlala indima enkulu kuphuhliso kwinkcubeko yethu kubantu bethu.
Kwanokuphakamisa iphondo lweAfrika ngeenjongo zokuza nezisombululo zokumanyana kwabantu base Afrika. Kwanokuphakamisa iliwimi zaseAfrika nenkcubeko yethu.
Abazali ingaba baye balithakazelela eli nyathelo lakho?
Ekuqaleni, andifuni kuphosisa Abongile andizange ndiyifumane tu inkxaso kumama wam nakusapho lam kuba ke babengayiqondi le nto ndiyifunayo kwaye noxanduva endandiphantsi kwalo. Kulapho yayilixesha lobunzima endandijongene nalo ndandizama ukuzifuna ukuba ndingubani kwaye kukuthini ukuba yinkosazana yomXhosa.
Ukukhulela ePitoli ndiselula kwandenza ndalahleka kwinkcubeko yam. Ndandifuna ukwazi ngembali nangemvelaphi yam. Kulapho ndaye ndaqalisa ukwenza uphando ndimana ndibaneentsuku endingaziphangeliyo emsebenzini ndiyotshona ekhaya kwiphondo leMpuma Koloni. Ndaqalisa ukuba neencoko kwakunye nomhakhulu wam owadlala indima enkulu kakhulu ekundikhuliseni nasekundiphuhliseni ngemvelaphi yam umhakulu uNomaka Mbeki nongumama kulowo wayesakubangu Mongameli weli uThabo. Ndaye ndabeka iintambo phansti kumsebenzi wam kwa SABC ngonyaka ka- 2011.
Ekhaya ndabaxelela emva kweenyanga ezisibhozo ukuba ndiyekile ndandizama ukuyokuziqalela eyam inkampani. Endihlekisayo nendonwabisayo into ngoku kukuba uMama wam uFezeka Mbiko ngoyena ungumlandeli kwaye ungumxhasi wam omkhulu kwinqkubo yam engentsimbi yesithandathu kusasa kuSABC1 ngeMigqibelo ejongene nezenkolo yakwaNtu (African Spiritual Realms and Dimensions).
Yintoni abantu abangayaziyo ngawe Tando?
Kukuba ndiyasazi kwaye ndiyasithetha isiTswane; ndogqitha nabantu abazalelwe kolo ulwimi!
Ndisakhula ndandithanda ukudlala namakhwenkwe kakhulu ezilalini eNgcobo kulo mama wam! Enye into ndandikuthanda ukukhwela emithini - nto leyo yandenza ukuba ndophuke xa ndicinga kathathu engalweni nase nyaweni. Ndiyakuthanda nokukhwela iBhayisekile.