William Martin ojongene nezityholo zokudlwengula abantwana abancinane, ujongene nokuchitha iminyaka ngapha kwezitshixo. Michael Pinyana. William Martin ojongene nezityholo zokudlwengula abantwana abancinane, ujongene nokuchitha iminyaka ngapha kwezitshixo. Michael Pinyana.
Siyabulela Mqikela
UTHIWE nkaa ngeshumi elinesihlanu umfama waseCumakala, emva kokuba inkundla yale ngingqi imfumene enetyala izolo.
Lo mfama, uWilliam Martin Knoetze ebevele enkundleni ngezityholo eziliqela eziquka ukuquqa edlwengula amantombazana amancinci awayethengiswa ngunina kulo mfama.
UKnoetze kwakunye nonina womnye wababantwana babanjwa ngezityholo zokuthengiselana aba bantwana ngeenjongo zokuba balale nalo ka William. Ingxelo ithi aba batyholwa baqale ukwenza lo mkhuba ukusukela ngonyaka we- 2012 bethengisa aba bantwana ukuze le nkosikazi ifumane imali emva kokuba bethe balala nale ndoda uMartins.
Ingxelo zithi uKnoetze ebedlwengula la mantombazana mathathu, aphakathi kweshumi elinesibini neshumi elinesithathu, ze kamva anike le nkosikazi, nengunina komnye waba bantwana, imali ephakathi kwamashumi alithoba eerandi (R90) ukuya kwikhulu elinamashumi amahlanu erandi (R150) yile ndoda enefama eCumakala. Ingxelo zikwathi le nkosikazi ibiye inike la mantombazana imali engangamashumi amabini erandi (R20) ngexesha rhoqo edlwengulwa ngulo mfama.
Amagqwetha abatyholwa avume esidlangalaleni ukuba abatyholwa bayazivuma izityholo ababekwa zona yila nkundla emva kokuba zifundiwe ngumtshutshisi. Izityholo eziphambili ezilandela esi sibini ziquka ukuxhaphaza ngesondo, ukuthengiswa kwabantwana, kwanokwenza imali ngeendlela zomgunyathi ngeenjongo zokuxhaphaza abantwana. Imantyi ebichophele elityala umnumzana uNaas Kitchen nobezolile ngethuba kuqhutywa eli tyala uzame ukuqinisekisa ukuba abatyholwa bayazamkela izityholo ababekwa zona.
Ukanti ummangalelwa wokuqala kweli tyala akakhange abonakalise kudana zizenzo zakhe, nanje ngoko ebezole okomtshakazi, amehlo egqiba elo gumbi lenkundla. Le nkosikazi, negwetywe ishumi elinesibini leminyaka, ibonakalise ukuzisola ngethuba bengena enkundleni ngokuthi ifihle ubuso bayo kulo nginginya yabahlali ibize kuzibonela indlela eliqhutywa ngayo. Umbutho wamanina weANC nguwo ubuhamba phambili phakathi kwemibutho elwela ukudlwengulwa kwabantwana namakhosikazi kula ngingqi.
Umphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu ephondweni uNancy Sihlwayi uthe: “Ngeveki enye sineziganeko eziqikelelwa kwiwaka kwindawo ezahlukileyo zephondo leMpuma Koloni, kwaye lo nto iyaxhalabisa kakhulu.” Ukanti abahlali belokishi yakwa Mlungisi eCumakala babonakalise ukumanyana kweli tyala.