News

Sivele enkundleni isidlwengu seemveku

Siyabulela Mqikela|Published

Siyabulela Mqikela

Lifumene inkxaso engathethekiyo uqhankqalazo lwabahlali baseCumakala nebelikhokelwa ngumphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu kweliphondo, uNancy Sihlwayi, nebelijoliswe kwinkundla yenqila yale dolophu nalapho bekuvela khona indoda etyholwa ngokuxhaphaza ngesondo abantwana abathathu balengingqi emva kokuba bethengiswe yinkosikazi ethile.

Ethetha izolo ngethuba begaleleka kule nkundla umphathiswa uSihlwayi uthe umthetho mawudlale indima yawo ngakubatyholwa ukuze kubuyiswe isidima sabantwana namakhosikazi.

Indoda etyholwa ngokuxhaphaza ababantwana, uWilliam Martin, eminyaka engamshumi amahlanu anethoba ivele ikunye nonina womnye wababantwana nokwanguye othengise ababantwana kule ndoda.

Amagama wamaxhoba ayaziwa liphepha-ndaba, I’solezwe lesiXhosa, kodwa ngenjongo zokubakhusela awachazwanga. Ingxelo ithi ezintsana ziminyaka iphathaki kweshumi elinanye neshumi elinesihlanu ziqale ukugagana nalo mkhuba ngonyaka ka-2012, kwaye oku kuqhubeke kwade kwango-2013. Ingxelo ithi le nkosikazi ibifumana imali kule ndoda ukuze inikise ngababantwana ukuze balalwe yile ndoda. Ukanti zikho ezithi le ndoda ibithandana nalenkosikazi ngaphambili.

USihlwayi umemelele longinginya ukuba ixhase amalinge wokuba umthetho udlale indima yawo ngokucacileyo ngakubatyholwa.

“Silapha kuba sifuna ukubonakalisa ukuchasa kwethu ukuxhatshazwa kwabantwana okuxhaphakileyo kule ndawo, kwaye simemelela ukuba bagwetywe bangaze baphinde baphume ngaphandle bobabini ababantu, bangcole kangaka,” utshilo umphathiswa.

Imibutho eyahlukileyo ejonge nokulwa ukuxhatshazwa kwabantwana namakhosikazi iphume kwindawo ezahlukeneyo zephondo ngelizo kuxhasa oku. Le mibutho isuka koomasipala abahlukeneyo.

Amatyala abekwa ababatyholwa aquka ukuthengiswa kwabantwana, ukuxhaphaza ngesondo,nokukhuthaza ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo. Zizityholo ezikumashumi amabini anesibhozo zizonke.

Limisiwe ityala izolo, abarhanelwa baseseluvalweni, nekulindeke baphinde bavele namhlanje.