Abongile Ginya
Bakhala esimantshiyane abafundi bommandla waseGcuwa kwakunye neDutywa ngelithi urhulumente wephondo le Mpuma Koloni “akayikhathalelanga” imfundo yabo.
Ababafundi bathi urhulumente akade azinanze izikhalo zabo zokuvulwa kwethala lencwadi elisedolophini eGcuwa naseDutywa.
Amathala encwadi eGcuwa naseDutywa avalwa ngeyoMsintsi ku2013 emva kokuba urhulumente kwafumaniseka ukuba wahlulekile ukuhlawula intlawulo yombane namanzi.
UChulumanco Damoyi oneshumi elinesithandathu ubudala nongumfundi webanga lesithoba (Grade 11) kwisikolo iButterworth High eGcuwa uthe ukuvalwa kwethala laseGcuwa kuyenza nzima imfundo yabo.
“Ekhaya sibasixhenkxe, andinalo ixesha kufuneka kulale umntu wonke endlini nditsho ndikwazi ukufunda. Ukuba akukalalwa soze ndikwazi ukufunda endlini. Indichaphazela kakhulu into yokungabikho kwelithala,” utshilo uDamoyi.
“Naxa sinikwe umsebenzi esikolweni asikwazi ukuyokufumana iincwadi, sixhomekeka kunxibelelwano lwalemihla uGoogle ukuze kube kanti sifumana ulwazi ngesosifundo sinikwe umsebenzi ngaso,” utshilo uDamoyi.
UDamoyi weleke ngelithi bayamcela urhulumente akhawulelane nabo kulomceli-mngeni bajongene nawo. “Zizakuphucuka njani iziphumo zeliphondo xa kusekho iingxaki eziloluhlobo ezijongene nabafundi.”
Owayesakuba ngumphathiswa wesebe lezemidlalo ubugcisa kwakunye nenkcubeko kweliphondo uXoliswa Tom kwaku kudala esenza izithembiso esithi lizakuvulwa kungekudala elithala. Ababafundi bathi babanethemba ngokungena kukamphathiswa uPemmy Majodina ngelithi lizakuvulwa elithala.
Othethela isebe lezemidlalo ubugcisa kwakunye nenkcubeko kwiphondo leMpuma Koloni uAndile Nduna uvumile ngenene esithi sekulithuba evalile lamathala.
“Silisebe siva ubuhlungu kakhulu ngentlungu yabantwana balammandla. Sisekwintetha noomasipala abachaphazeleka malunga noku, kwaye sizakuyiqwalasela lenyewe,” utshilo uNduna.