Abongile Ginya
Uchazwe nje ngokwimeko ezinzileyo kwisibhedlele eMthatha uMathieu Dasnois kulandela ukusinda cebetshu ekuqwengweni ngukrebe kunxweme lase Sajonisi ngeCawe. UDasnois, ongunyana ka-Alide Dasnois owayesakuba ngumhleli kwiCape Times, utyiwe ngukrebe esandleni nasezinyaweni kodwa wakwazi ukuzicebula. Ebesaphume ngaphandle kwesikhephe ebehamba ngaso efuna ukuvavanya izixhobo zakhe zokudada ngethuba egagana nalokrebe.
Ingxelo zithi esisikhephe sigilwe ngukrebe sawa phantsi apho uDasnois aye waqwengwa ngulokrebe emtya izandla evaleleke nemilenze.
Ingxelo eziphuma kuCraig Lambinon nothethela iNational Sea Rescue Institute (NSRI) zithi uDasnois ukwazile ukuphuncuka imilenze yakhe kumlomo ka krebe encediswa ngabo ebekhwele nabo. Ngethuba kusenzeka oku luye lakhawuleza lwafika uncedo lokuqala olukhawulezileyo ngelizama ukunceda uDasnois kumanxeba abenawo esandleni nakumlenze wakhe wasekunene naye wabalekiselwa esibhedlele eMthatha.
URob Nettleton we-NSRI eSajonisi uthi uyavuma ngenene ukuba kuleminyaka ayihleliyo nakolulwazi analo kwezeelwandle zange asibone
isehlo esinje sokuqubisana nokrebe watsho esithi nabakhenkethi abo bebekhwele ngaphakathi
kwisikhephe baye badlala
indima enkulu kakhulu kulengozi.
U-Alide ebekwindlela esuka eKapa eya eMthatha izolo, ngeliyakubona unyana wakhe. Iziganeko zokuqwengwa kwabakhenkethi
ngookrebe eSajonisi zithe gqolo ukwenzeka. Nyakenye kwaqwengwa kwabulawa umkhenkethi
wase-Austria kunxweme i-Second Beach eSajonisi, emva kokujijisana nokrebe.