News

Bantu Holomisa ugxeka iMvuselelo yoMhlobo Wenene

Siyabulela Mqikela|Published

East London- 03-05-2015 Inkokheli ye UDM uBantu Holomisa.umfanekiso Uthunyelwe East London- 03-05-2015 Inkokheli ye UDM uBantu Holomisa.umfanekiso Uthunyelwe

Siyabulela Mqikela

Umongameli wombutho weUDM uBantu Holomisa ugxeke kabukhali isikhululo soMhlobo Wenene ngento ayibize ngokuba kukusetyenziswa kwenkqubo yeMvuselelo nje ngesixhobo sokufumana amanqaku wezopolitiko kwimibutho ethile ingakumbi kumbutho olawulayo i-ANC.

Lo ka-Holomisa uthi indlela eqhutywa ngayo lenkqubo itshintshile kunamaxesha angaphambili, apho bekushunyayelwa uThixo ngaphandle kwemiqathango ebangelwa kukuthengiswa kwayo. Sisithuba esingaphaya konyaka ithengiselwa oomasipala okanye amasebe athile kurhulumente ingakumbi kweli leMpuma Koloni lenkqubo.

UNjengele uthi uphulaphule kakuhle kwiCawa egqithileyo umhla wesithathu kwinyanga ka Canzibe. Uthi umongo walenkqubo uthengisa umbutho othile, hayi imvuselelo yabantu abadinga ukuxhaswa kwingxaki zabo zemihla ngemihla.

Ingxelo ka Holomisa ithi okona kucacisa ngamandla ukuba lenkqubo yinqwelo yokuphakamisa umbutho olawulayo kukuba imibutho ephikisayo ayinikwa thuba lokuthetha nanje ngoko kusenziwa koo-sodolophu noo-ceba bomasipala abathile.

“Kumele ukuba imibutho elawula kunye neANC kwabamasipala imenywe xa kusenziwa lenkqubo,ingakumbi xa oo-ceba, noo-sodolophu abaphantsi kombutho weANC bezakunikwa iqonga,” itshilo ingxeko ka Holomisa.

Uhambisa athi unqwenela ukuba inkonzo le ibe yinkonzo kuphela, ingadityaniswa nezopolitiko ngokuthi ithengiselwe urhulumente osuka ayijike ayenze eyombutho othile. “Abaphathi boMhlobo Wenene mabayeke ukuthengisa lenkqubo kuba ilahlekelwa sisidima nomongo wayo ngenxa yoku,” uthethe watsho uNjengele.

Ukanti umphathi sitishi woMhlobo Wenene umnumzana uPhumzile Mnci uzithethelele kwezi zityholo ngelithi abachaphazeleki kuluhlu lwabantu abathatha inxaxheba kulomcimbi. “Ngumasipala onokuphendula ukuba kutheni abantu bemibutho ephikisayo benganikwa thuba, thina asinanto yokwenza nalonto,” uthethe watsho uMnci.

Uhambisa athi ukuthengiswa kwenkqubo ezifana

neMvuselelo akunakwenza ukuba utshintshe umxholo nomongo wenkqubo.