East London-04-05-2015 IBawa Falls yenye yengxangxasi ezintle apha eMzantsi Afrika.Umfanekiso Phando Jikelo East London-04-05-2015 IBawa Falls yenye yengxangxasi ezintle apha eMzantsi Afrika.Umfanekiso Phando Jikelo
Abongile Ginya
Abahlali belali yakwa Ndotshana eBawa eGcuwa bathi luphuhliso lwelali yabo olunokuthi lutsale abakhenkethi eBawa Falls nto leyo bathi ingathi ikhulise uqoqosho lwendawo.
USiphumle Gaga ongusihlalo woluntu kulandawo uthi umasipala wesithili sase-Amathole wayethembisile ngethuba etyelele apha negqiza lakhe nyakenye esithi izindlu eziphaya ziza kulungiswa kakuhle nalapho izakuthi ibeyindawo yokuba abakhenkethi abatyelele pha bakwazi ukuba nendawo yokulala kwanokutyela.
UGaga uthi iinzame sele zikhona kulandawo zophuhliso nalapho athi sele kwaqashwa oonogada kulandawo emveni kokuba kwathi kwaqhekezwa konokaliswa umbane ngabo babeqhekezile.
“Asinamisebenzi, ulutsha lwethu aluphangeli. Singancedakala kakhulu xa inokude igqibeke landawo kukwazi ukuqashwa abantu bethu, nawuphi na umsebenzi onokuthi uvele kulendawo singawuvuyela,” waleke ngelo uGaga.
Nabanye abahlali balandawo esithe sancokola nabo bathi wayethembisile umasipala esithi uzakuza nophuhliso. “Sele befikile abantu abazokubuka abasuka kumazwe angaphandle bajike bangabi nandawo yokulala, bathi ubuhle balandawo abubonwa luluntu,” utsho uGaga.
Bazinabisile zazininzi izikhalazo zabo ngakuphuhliso besithi abanayo nendlela esemgangathweni bekwakhalela nosinga lonxibelelwano (network) olungekhoyo kwindawo yabo besithi bayasokola nasekutsaleleni abantu umnxeba.
Othethela umasipala wase-Amathole uSiyabulela Makhunga akakhange akwazi ukunaba banzi kwezizikhalazo zabahlali nanjengoko ebebambeke kwindibano yomsebenzi. UMakhunga uthi unolwazi lokuba isafuna ukuphuhliswa ilali yase Bawa.
Iingxangxasi zase Bawa zikudidi oluphezulu ngobude bazo kwi-Afrika esemazantsi.
Lembali yazo ayaziwa ngabantu abaninzi ngenxeni yokungagqanyiswa.