Abongile Ginya
Urhulumente weli lo Mzantsi Afrika waveza inkqubo yokuba uluntu maluvuke luzenzele; lungenzelwa mntu. Abanye babantu abaninzi baye basabela kweli khwelo ngokuthi bazivulele iindawana zabo ezincinci zoshishino ezifana neendidi zonke zokuthunga, ukuthengisa iziqhamo, imifuno, iintloko zeegusha kwa nenyama zangaphakathi.
Sincokole nomnye woomama abasele bekhulile nesele beneminyaka besenza umsebenzi wokuzithengisela eHighway eMdantsane.
Mama namhlanje usuku lakho lunjani?
Luhle kakhulu ntombi kuba kushushu ushishino noko lubaluhle xa kuzole nemoyezulu iloluhlobo.
Ngubani umama? Ezalelwe phi eliqale nini ushishino?
Ndizalelwe eMdantsane ndingu Yalezwa Thethani onamamashumi amane anesithoba (49) ubudala eminyaka.
Eli shishini lokuzithengisela ndaliqala kancinci ndipheka ukutya ngonyaka ka 1996. Ngunyaka weshumi elinesithoba lo ndikolushishino lokuzithengisela.
Ingaba wayekelani ukuthengisa ukutya kwaye uthengisa ntoni ngoku?
Ukupheka ndikuyeke kuba ndibona ukuba andifumani ngeniso incumisayo, bekungapheli konke ukutya nto ibisenza kuphele kumoshakala ndibe phofu ndingenankunzi yokuba ndiphinde ndikuthenge. Ndithe ndisajongene nobobunzima bokuba ndizakuqala njani ngaphi khona kuba ndinosapho.
Ndiye ndaqalisa kancinci kwakhona ukuthengisa umbona nendisawuthengisayo nangoku.
Yintoni eyakwenza ukuba ungayikucela umsebenzi emntwini?
Ndakhula ndinje, ndingumntu ongakuthandiyo ukuxhomekeka emntwini, ndandikwazi ukuya esikolweni ndingenasihlangu kuba ndandingathandi okwakucela noba sekuthwa ngumama kwakubanzima. Kwangoko ndaqonda ukuba mandiphakame ndiziqalele eli shishini ndingayo goba emntwini.
Okukuzithengisela nokuziqasha yayililinge; ndifuna ukujonga ukuba izakundibeka phi na le nto ndiyiqalayo andizange ndiyazi ukuba ndawude ndifince le minyaka mingaka. Ndacinga ukuba lakubalide ixesha xa ndizakube ndilinde imali ngempelanyanga ndibe ndingenamali yokukhwela, ndibe ndingenakutya endlini babe nabo abantwana bendifuna le na leya.
Xa ungathengisi mbona wenzani?
Ndiye ndithengise iziqhamo ezifana nama-orenji, kuba kaloku umbona unexesha. Kuye kungafani kunaxa ndithengisa umbona.
Yintoni ekuncumisayo ngosuku?
Kukuthengwa kakhulu kombona wam, noko liyancumisa eli xesha kum nangona kuba kubi xa kufike ixesha lombona, enye yezinto ezindincumisayo ndiba nento etafileni ebantwaneni bam xa ndingenendlini. Akukho nto imbi njengoku ngena usonge izandla endlini ebantwaneni ube uvela emsebenzini.
Bangaphi abo bantwana?
Bathathu kwaye bafunda bonke, befundiswa ndim yile mali ndiyenza apha, yiyo lo nto ndivuka noba iyadyudya
imvula kuba ndinolusapho lujonge kum. Ndikwanaye nomntana kadadewethu okwaxhomekeke kum naye kodwa ke
nemali yesibonelelo sikarhulumente iyandincedisa.
Owona mceli-mngeni kulo msebenzi wakho?
Kukungabinamoto yokuthutha umbona ndiwuthwala
entloko okanye kufuneka ndiqashe imoto ezokundithuthela umbona.