Abongile Ginya
Ukanti siye saphinda siliphepha-ndaba eli sanencoko nomye woomama abaneminyaka bezishishinela ngokohlukana kwezinto abazithengisayo. Ngoku makhe sijonge kuNophumzile Molosa oyinzalelwane yakuCentani kuFeni nongumthengisi eHighway onamamashumi amahlanu anesixhenxe othengisa izithole zokulima.
Wena mamam’ uqale nini kolushishino lwakho kwaye ingaba waqala ngezizithole?
Ngonyaka ka1999 emveni kokubhubha ko myeni wam ndaqonda ukuba mandiphakame. Kuba kwakuphela ukutya kwaye abantwana bajonge kum ngoku nam ndingaphangeli ngoko. Na xa bephelelwe zizihlangu zesikolo abantwana babejonga kum. Ndaqala ngokuthengisa iziqhamo ndaziyeka ndakubona ukuba ukhuphiswano lunzinzi sithengisa into enye efanayo ubone ukuba umnka usonge izandla imini yonke. Ndaqalisa ukuthengisa izithole zentlobo zonke ndakubona ukuba ndiyasokola. Ngaphambili ndandingumphangeli emakhitshini kwa-17 eMdantsane. Ndoyisakala khona kuba nam andinguye umntu okuthandayo ukuxhomekeka.
Uyazisola ngokuyeka iziqhamo?
Tu ndaye ndabona ukuba ndizilibazisile ngeziqhamo noko ndiyancuma xa ndigoduka! Ingakumbi xa ilixesha lehlobo ziyathengwa kakuhle izithole zam kuba asibaninzanga kangako thina sithengisa izithole kunangoku ndandikwiziqhamo
Waphakanyiswa yintoni kwakho?
Ndenziwa sisazela ngabantwana bam abathandathu besoloko besithi ukungabikho kuka tata kuyabonakala, kwakubuhlungu kum ngaphakathi ndaqonda mandiphakame ndingalindeli into ezakum ndilele ngecala, mandiphakame ndiziqalisele ishishini eli.
Kutheni usithi uphangela nangemvula nje?
Ndifuna ndithi ndicela kubantu basekhaya ndibe ndinento esandleni bandincede kwinto esendiqale kuyo!
Kwaye kungenxa yokuba akukho mntu uzokundondla uzokondla nabantwana bam kuba basajonge kum bobathandathu omnye naba selebamba imisetyenzana; bafundiswa ndim phantsi kobobunzima. Siza nokuba imoyezulu injani asizi ngokuthanda sibethwa yimeko emva ekhaya.