28 04 2015, Ras Sakhumzi Mafu usomashishini okhasayo othengisa umsebenzi wezandla, iziqhamo, namachiza endalo. eHighway, umfanekiso: Michael Pinyana 28 04 2015, Ras Sakhumzi Mafu usomashishini okhasayo othengisa umsebenzi wezandla, iziqhamo, namachiza endalo. eHighway, umfanekiso: Michael Pinyana
Abongile Ginya
Ukanti xa sijonga kwelinye icala sincokole nobhuti osebenzisa izandla okwathunga iminqwazi, izihlangu, kwanamacici nemifanekiso eqingqiweyo. Lowo ngu Ras Sakhumzi Mafu.
Kutheni ukule ndawo
Luthando! Ndaye ndaqalisa ukuwenza lo msebenzi mhla ndabali Rasta. Ukuze ndiphinde ndibe lapha ndadinwa nokumane ndiyofaka amaphepha ezicelo zomsebenzi kwezinkampani sibe singaqashwa. Ndikwalapha nje ndaye ndasokola nokufumana umsebenzi kodwa ngoku andisakhaleli lo nto kuba akukho nto ndingayenziyo ngezandla zam.
Ungena ngabani kumsebenzi wakho?
Ndingena nangabani ixesha. Nangentsimbi yesithathu emini ndiyangena kuba ndiyayazi abantu bayajikela kum naninina xa bendibona.
Ingaba kuyathengwa kwaye ukhuphiswano lungakanani?
Thina kule yethu inkolo yamaRasta asikholelwa kukhuphiswano kuba sineyethu eyohlukileyo inkolo nokuba kungangathengwa iveki ndizakuphila sonela nangokubuka nje komntu sele engathenganga. Kanti nalo nangeloshumi umntu athenge ngalo siyalamnkela yinto enkulu kuthi leyo.