News

Sinxubile isizwe sama-Khoi ngoSarahBaartman

Siyabulela Mqikela|Published

Siyabulela Mqikela

IInkokheli zemveli zesizwe samaKhoi zivakalise ukudana sisiganeko sokonakaliswa oknaye ukungcoliswa kwengcwaba lika Sarah Baartman eHankey kweli leMpuma Koloni.

Oku kusemva kokuba amapolisa aseTinarha eqinisekise ukuba afumene iingxelo zokuba ligalelwe ngepeyinti ilitye lengcwaba lika Sara Baartman.

Othethela amapolisa ase Tinarha uWarrant Officer Gerda Swart, uthi baxelelwe ngabantu abasekuhlaleni ukuba kukho umonakalo owenziweyo kwingcwaba lika Baartman.

Ingxelo yamapolisa ithi kukho abantu ababonwe kwelo ngcwaba phambi kokuba liqatshelwe ukuba lonakele.

Inkosi zemveli zesizwe samaKhoi-San zithi zidanile kakhulu sesi senzo emva kokuva iindaba zokuba lingcoliswe ngepeyinti ingcwaba lale nkosikazi.

Othethela ezinkosi, uNkosi Daantjie Japhta uxelele amajelo eendaba ukuba umbhalo okwelinye lamaphawu aphambili kweli elisetyenziswa epalamente libhalwe ngolwimi lesi Khoi kwaye lombhalo uthetha umanyano. “Abenzi belisikizi bafuna nje ukufaka ilizwe lethu engxakini, kwaye basebenzisa ithuba abalifumanayo ukulahlekisa abantu,” utshilo uJaphta.

Othethela isebe lemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko kweliphondo u-Andile Nduna, ungenelele kwidabi lokugxeka abenzi belisikizi. Lo ka Baartman wangcwatywa ngonyaka ka 2002 emva kokubuyiselwa ekhayeni lakhe eMzantsi Afrika emva kokuchitha ixesha elide kumazwe ahlukileyo ehlabathi, aquka ilizwe lase-France nalapho wathi wangcwatyelwa khona.

Amathambo akhe abuyiswa emva kongenelelo luka rhulumente.

Sinxubile isizwe sama-Khoi ngoSarahBaartman