Siyabulela Mqikela
Kulindeleke ukuba kubiyiswe amanye amathambo amajoni emikhosi yemibutho yenkululeko kweli nawathi abhubhela kumazwe angaphandle esilwela inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika.
Ingxelo ye-ofisi yesebe lemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko kweli ithi ngamajoni asibhozo ekulindeleke ukuba abuyiselwe kweli leMpuma Koloni kunyaka-mali ka 2015-16, ngenjongo zokudibanisa lamathambo kunye nentsapho zawo emva kokuchitha iminyaka kumazwe angaphandle.
Oku kudizwe ngumphathiswa welisebe kwiphondo unkosikazi uPemmy Majodina ngethuba ekudliwano ndlebe namajelo endaba, nalapho athe baqhubela phambili nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba ziyaxola nazo intsapho zabo bathi babhubhela kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika.
Yimali ebalelwa kwi-R800 000 ebekelwe bucala lelisebe ukubuyisa imizimba
“Njengoko benditshilo ngaphambili ngethuba ndisenza intetho yohlahlo labiwo mali siseza kuqhubeka nomsebenzi wokubuyisa amathambo wonyana belilizwe,”utshilo umphathiswa.
Kwinyanga ephelileyo elasebe libuyise amathambo wejoni loMkhonto weSizwe lase Bhayi elathi labhubhela kwilizwe lase Mozambique ngeminyaka yo 1980.Iligqiza eliphuma kweli leMpuma Koloni elalisinge eMozambique nelalikhokelwe ngulomphathiswa labuya namathambo ka Thabang Henry Bokhoolane nathe kamva angcwatywa ekhayeni lakhe eBhayi. La majoni abhubhele kwindawo ezahlukileyo zelizwekazi lase Afrika nanje ngoko ebeyinxalenye yedabi lokutshabalalisa urhulumente wobandlululo.
Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika uqalise nephulo lokubuyiswa kwalamathambo ukusukela oko kwathi kwangena urhulumente wolawulo lesininzi kweli,kwaye sele bebaninzi abantu abathe babuyiselwa kweli emva kokuba bathi bangcwatyelwa kumazwe angaphandle.
Kutshanje urhulumente kazwelonke ubuyise amathambo kaMoses Kotane kwakunye no JB Marks owabhubhela kwelase Russia.
Ukanti la-ofisi kulindeleke ukuba icacise banzi ngokuzakwenzeka malunga nokubuyiswa kwalamathambo.