Siyabulela Mqikela
IYunivesithi i-Walter Sisulu (WSU) eMthatha kulindeleke ukuba iwonge ngesidanga sobugqirha uSizwe Nxasana ngethuba izakuba iqhuba uthweso zidanga zonyaka ka-2015.
Ingxelo ithi loka Nxasana wathi wangenelela kuluhlu lweengcali zezimali kweli ngonyaka ka-1987, kwaye uphakathi kwabaphathi abaphume izandla kwimicimbi yolawulo kwilizwe loMzantsi Afrika.
Ibambela-sithethi eWSU, uThando Cezula, uthi la yunivesithi inika lo ka-Nxasana isidanga ngenxa yesakhono sakhe kulawulo lwezimali.
La yunivesithi izakuqhuba uthweso zidanga kwiveki ezayo nalapho kulindeleke ukuba uNxasana abe phakathi kwabo bazakuba bewongwa ngesidanga. UNxasana usebenze nje ngomlawuli wezimali kwinkampani eziliqela kweli loMzantsi Afrika, kwaye ulawulo lwakhe luchazwe ukuba loluphume izandla. La yunivesithi izakube ithalisa abantu izidanga ezingaphezu kwamawaka amane kubafundi abakumabakala ahlukileyo.
Kulindeleke ukuba kwenziwe intetho ezikhuthaza kwanezinika imvuselelo kwabo bazakuba bengena kwihlabathi lokuphangela emva kokugqiba kwabo izifundo zabo.