News

Liyaqhuba ityala lokubulala eMonti

Abongile Ginya|Published

UXolisa Ntoni, enkundleni kamantyi eMonti emveni ebanjwelwe isithyolo sokubulala intombazana Unozuko Matyumza kunyaka ophelileyo 25/03/2015: Umfanekiso Michael Pinyana UXolisa Ntoni, enkundleni kamantyi eMonti emveni ebanjwelwe isithyolo sokubulala intombazana Unozuko Matyumza kunyaka ophelileyo 25/03/2015: Umfanekiso Michael Pinyana

Abongile Ginya

Uyavela kwakhona ngale ntsasa uXolisa Ntoni otyholwa ngokubulala ngokumasikizi nyakenye intwazana awayencuma nayo.

UNtoni (29) wakrwitsha ze wabulala uNozuko Matyumza (25) kunyaka ophelileyo.

Umzimba kaMatyumza wafunyanwa sele wonakele. Lo kaNtoni ebevelile izolo kwinkundla zamatyala zaseMonti laze lamiswa ityala lakhe limiselwa olusuku lanamhlanje kuba igqwetha lakhe lingekho lisePitoli kwelinye ityala.

UMatyumza waduka iintsuku eziliqela engaziwa apho akhoyo likhaya lakhe. Le ntwazana yayingumsebenzi kwivenkile ethengisa ukutya uShoprite edolophini eMonti.

Umcuphi wetyala uWarrant Ofisa Vusumzi Sityoshwana uthi uMatyumza wakrwitshwa ngesikhafu sakhe somsebenzi waze wayokubhaqwa kufutshane nakwikhaya lakhe e-Igoli kwaseMonti sele ebhubhile emveni kwezontsuku edukile.

USityoshwana uthi eyonanto yathi yanceda ekubhaqweni komrhanelwa lo yaba yimfonomfono kaMatyumza eyabhaqeka kulo kaNtoni.