Siyabulela Mqikela
Liphantsi inani labantu ababhubhe kwiI-ngozi zendlela kweliphondo leMpuma Koloni kwinyanga kaTshazimpuzi walonyaka xa kuthelekiswa neminyaka engaphambili.
Ingxelo ekhutshwe ngabakwa Road Traffic Management Corporation ithi ngabantu abakumakhulu asixhenkxe abathe babhubha kwindlela zeli, kwaye iphondo leMpuma Koloni lelona linamanani aphantsi okubhubha kwabantu ezindleleni kulenyanga. Inani lengozi zendlela lithe lenyuka ngenxa yeholide zePasika nanje ngoko abantu beli bebesinga kwindawo ezahlukileyo zelizwe.
Ngokwengxelo ziveki ezintathu ezithe zahamba phambili ngamanani wabantu abathe babhubha kwindlela zelizwe loMzantsi Afrika. Le ngxelo ihambisa ithi elona phondo lithe lanengozi eziphambili liphondo lase KZN nanje ngoko ingabantu abakwikhulu elinamashumi amane abathe babhubha kwelaphondo.
Iphondo lase Rhawutini lihleli kwindawo yesibini ngamanani aphezulu wabantu abathe babhubha kwindlela zelizwe loMzantsi Afrika. Ngamaphondo amathathu ahleli emsileni ngokwengxelo aquka iMpuma Koloni,Mntla Koloni kwakunye nephondo lase Freyistata.
Isithethi seRoad Traffic Management Corporation uSimon Zwane uthi zimpazamo zabantu eziye zibangele ezingxaki, logama ukugqabhuka kwamatayala kudlala indima enkulu nako kwezingozi.
Isebe lezothutho kweliphondo leMpuma Koloni lithe longeza inani lenqwelo mafutha kwakunye namagosa athe ajongana nentsuku zikaxakeka ngentsuku zePasika,konke oku kujoliswe kumalinge okulwa nokuphungula ingxaki zase zindleleni.
Ingxelo yesebe lezothutho kweliphondo ibhentsise ukuba ngohola bendlela abangena kweli abathi benyuse amanani wabantu ababhubha kwindlela zeliphondo. Indlela eziphambili eziba ngunobangela wezingozi ziquka N2 phakathi kwe Bhayi noMthatha, N6 phakathi kweRhawuti neMonti N1 ukuya kuR61 phakathi kwe Kapa kwakunye nedolophi yase Mthatha.
Eli sebe longeza inani lamagosa kanye kwezindlela nanje ngoko zithi zibe ngunobangela wokukhula kwamanani wabantu abathi babhubhe ezindleleni zephondo. Le ngxelo ikhutshwa nanje ngoko kusongwa inyanga ka Tshazimpuzi.