Siyabulela Mqikela
Kulindeleke ukuba zothule ingxelo yazo kumasipala wase Malahleni iinkosi zakwa Gcina malunga nezimvo zazo kwisiphakamiso sokumiswa komfanekiso oqingqiweyo kakumkanikazi uNonesi kula dolophu.
Ingxelo ithi, esi sisigqibo ekufikelelwe kuso emva kokungaboni ngasonye phakathi kwenkosi zakwa Gcina kwakunye nabaphathi bomasipala wase Malahleni, emva kokuqava kwesiphakamiso sokuba kumiswe umfanekiso oqingqiweyo wale kumkanikazi kumbindi wala dolophu.
Ukanti kukwakho izityholo zokuba abantu abaxhasa inkosi zakwa Gcina baphazamise isifundo sokukhumbula ukumkanikazi uNonesi nebekulindeleke ukuba siqhubeke kula dolophu. Oonokrawuzana bathi, iinkosi zamaGcina zithi akukho dolophu izakuthiywa ngo Nonesi, kwaye akukho umfanekiso uqingqiweyo wale kumkanikazi uzakumiswa kuladolophu. Ezi nkosi zithi makunikwe imbeko iinkosi zala mhlaba ngokuthi kumiswe lo mfanekiso oqingqiweyo yenye yenkosi zakwa Gcina.
Ingxelo ithi, igama elihamba phambili kumagama aphakanyiswa ziinkosi kwanoluntu oluchasene noku lelo lika nkosi uZwelixolile Mpangele.Oyinkosana yakwa Gcina uPhalazile Mlanjeni uthi, makunikwe ithuba iinkosi zakwa Gcina ngokuthi lo mqingqwa ube ngowenkosi yamaGcina nje ngabanikazi balamhlaba. “Ngu nkosi uZwelixolile kuphela onokunikwa ithuba lokuba kumiswe umfanekiso oqingqiweyo egameni lakhe apha.”
Kwintlanganiso ibibanjwe kunye nosodolophu uNomveliso Nyukwana, izindlu zobukhosi bakwa Gcina bezimelwe ngobuninzi bazo.Yile ntlanganiso ethathe isigqibo sokuba abantu bala masipala banikwe ithuba elaneleyo lokuba bathathe isigqibo sokuba bayakwamkela kwisini na ukumiliselwa kwalo mqingqwa ka Nonesi.Ukanti asiwafumananga amagosa ala masipala ukunika ilizwi lawo kwesisihlandlo, ingakumbi kumcimbi wokuphazanyiswa kwesifundo sokukhumbula lekumkanikazi uNonesi.Inkosi zakwa Gcina kulindeleke ukuba zinike ingxelo yazo kwinyanga ka September walo nyaka.