Siyabulela Mqikela
Amaqela omculo wevangeli, amagqirha, umbhaqanga nomaskandi bafumene ithuba lokubonakalisa izakhono zabo, ngethuba kuqhutywa umnyhadala womculo kuKomani kwiveki ephelileyo.
Lo mnyhadala ubuququzelelwe yi Eastern Cape Art Centres Association yaku Komani. Amaqela aphuma mbombozone zephondo athe athabatha inxaxheba kulomnyhadala. Othethe egameni lalombutho uSindiswa Bini uthi zibanzi injongo zabo zokwenza lomnyhadala.
“Ngaphandle kokunika lamaqela ithuba lokuba acule abonakalise italente yawo, kodwa sikwathathe elithuba ukuba sikhulise imeko yezimali kulengingqi yomasipala wase Chris Hani,”utshilo uBini. Ingxelo ithi amashishini amancinci ashishina ngendawo zokulala kulangingqi yaku Komani athe azuza ngenxa yalo mnyhadala, kwanezindlu ezizimeleyo zisetyenziswe njengendawo zokulala abantu abasuka kwindawo ezahlukileyo zephondo leMpuma Koloni. Lengxelo ihambisa ithi lamaqela akhuthazwa ukuba acule ukuze akhule, nokuze enze imali ngomculo wawo.
Ukanti isebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko liqhwabele izandla umsebenzi omhle othe wenzeka apha ngethuba kuqhutywa lomnyhadala. Oligosa eliphezulu elijongene kunye namaziko enkcubeko kwiphondo uRaymond Qaba uthi bathathe isigqibo sokuba lomnyhadala uqhutyelwe eKomani ngenxa yezizathu ezahlukileyo. Lomnyadala ngowokuqala,kwaye sinenjongo zokuwunabisa nakwezinye indawo zephondo, kodwa sikhethe iChris Hani kuba kukho eliphulo lokukhumbula ongasekhoyo onobhala wombutho wamakomanisi oMzantsi Afrika uChris Hani.
“Lamaqela awasukanga eza apha kodwa kusetyenzwe nzima ukuba sifikelele kulendawo sikuyo, amagosa esebe ebengalali ejikeleza ekhangela ukuba angafumaneka njani amaqela angawo azakuthabatha inxaxheba kulo mnyhadala,” utshilo uQaba. Ukanti umphathiswa wesebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko uPemmy Majodina akavumanga ukuthetha namajelo endaba esithi uzimisele ukumamela ingoma kuphela, nje ngenxila lengoma.