Siyabulela Mqikela
Ubusika buzakufika bexhobile abantwana besikolo iMnyanda Primary School kwaZakhele eBhayi kulandela isisa abasenzelwe nguceba wabo wakwa wadi 18 uNomhle Mzilikazi.
Loceba uqale ukwenza oku ngonyaka ka 2011 ngethuba wathi wabona kukho imfuneko yokubuyisela ithemba nokuzingca kubantwana abafunda kwizikolo ezikumaphandle edolophu yase Bhayi. Abanye babantwana ngabantwana abangenabazali kwaye banemfuno ezibonisa ukuba kumele ukuba bancediswe ukuze baqhubele phambili nezifundo zabo.
“Liphupha lam ukubona aba bantwana besiya esikolweni, bephumelela, babezinkokheli, ootitshala, abongikazi, oogqirha, amapolisa, iintatheli kwanezinye izinto eziphawula impumelelo ezimpilweni zabo,” uthethe watsho loceba.
Uhambise wathi ezintsana zilikamva lelizwe, kwaye ihlabathi ngokubanzi lixhomekeke kubantwana abazakuba ngabantu abadala ngenye imini.
Lo ceba uthi iwadi yakhe yeyona inee-nkedama ezininzi xa ithelekiswa nezinye kulangingqi,kwaye injongo yakhe kukuba ababantwana bangabuva ubunzima bokukhula ngaphandle kwabazali babo.
Phakathi kweentsapho ezithe zafumana kwesi sibonelelo kuquka usapho lukabawo uJohanna Jali (80) ochazwe ukuba uhlala nabazukulwana bakhe abane, abathe bashiywa ngabazali babo.
Ingxelo ithi ababantwana bashiywa ngunina emva kokuba wathi wahlatywa wabulawa nguyise wabo , oku kwamshiya noxanduva lokuba akhulise ezintsana ngaphandle konina wazo.
“Mna ndibulela uceba uJali ngesi sisa. Yinkokheli yokwenene uMzilikazi,” utshilo uJali.