Siyabulela Mqikela
Limiselwe ngokusesikweni iphulo lokuphucula idolophu yase Dikeni ngoLwesibini, nalapho umphathiswa wesebe lezendlela uThandiswa Marawu athe wakhokela igqiza lesebe lakhe ukwenza lo msebenzi.
Ingxelo yelasebe ithi, oku kulindeleke ukuba kuphucule imbonakalo yedolophu yase Dikeni nanjengoko iindlela kwakunye nezitalato eziphambili besezibalisa ibali ngobomi bazo. Ingxelo ithi eli phulo, elibizwa ngokuba yi-Alice Gateway Project, kulindeleke ukuba livuselele indlela kwanezitalato eziphambili kula dolophu. Oku kuyinxalenye yephulo lorhulumente kazwelonke lokuvuselela idolophu ezincinci zelizwe loMzantsi Afrika.
Isebe likaMarawu libambisene nomasipala wase Nkonkobe, kulindeleke ukuba babambisane ukuqhubela phambili amalinge okuvuselela indlela ezingenayo neziphuma kula dolophu. Oku kuquka neendawo zokuphumla kwaneendledlana zokuhamba uluntu. Kweli phulo kulindeleke ukuba kutyalwe imithi iintyatyambo kukwavuselelwa imibhobho ebalekisa ilindle namanzi kuladolophu.
Yimali eqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi (R2m) ethe yagalelwa kweliphulo ngenjongo zokuphucula umgangatho waladolophu.
Oku kulindeleke ukuba kuvuselele utyelelo ukuze kukhule imeko yokukhula kwezimali ukuze kamva kuphucule imeko yentlalo yoluntu ngokubanzi. Ukanti kukwalindeleke ukuba kuqeshwe abantu abatsha abazakuthi babeyinxalenye yeliphulo phantsi kwenkqubo yemisebenzi exananazileyo karhulumente (Expanded Public Works Programme).
Eliphulo sele lilwe ngokucacileyo nemeko yentswelo-ngqesho ukusukela oko liqalile, kwaye likwancedisana nokuxhotyiswa kwabantu ngezakhono abazidingayo.
Phantsi kwale nkqubo zininzi idolophu ezincinci zelizwe loMzantsi Afrika ezithe zazuza ngokuthi kulungiswe iindlela neendledlana kwizitalato eziphambili kwezindawo. Idolophu yase Dikeni yenye kwezo bezisoloko zinesikhalo sokungakhathalelwa kwezitalato kwanezinye iindawo ezinomtsalane kuladolophu.
UMarawu uthi eliphulo lizakunceda ukuphucula le dolophu nanjengoko iYunivesithi yase Fort Hare, eseDikeni, izakuba ibhiyozela ikhulu leminyaka kunyak’ ozayo.