Ilizwe loMzantsi Afrika lizakuba libhiyozela iminyaka engamashumi amabini ananye oko kwangenwa kwinkqubo yentando yesininzi. Lusuku lweNkululeko eMzantsi Afrika rhoqo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi. Intatheli ye-Solezwe lesiXhosa u-Abongile Ginya ubuze uluntu lwase Monti ngeenkumbulo olunazo malunga nosuku apho kwaqala khona inkululeko ngo1994.
Kholisani Solwandle: Utshintsho luninzi mna ndakuthi ukujonga, umzekelo sinezindlu, sinendawo zokuhlala singabanye, sinazo izibonelelo zemali kaRhulumente kwano kukhwela nomntu omhlophe ungoyiki kanti kudala kuthiwa yayingenzeki lonto.
Ndzondelelo Yaso:
Ngolosuku ndandilapha eMonti! Ndingatsho ndithi lukhona utshintsho pha napha urhulumente uyazama yena, nangona zingenzeki kum ndiyazibona zisenzeka kwabanye ingakumbi ezidibene nophuhliso, naselalini yam eTsholomnqa urhulumente wayekhe wayizisa into edibene nophuhliso elungiselela ulutsha nangona ndingazange ndixhamle nje kwaxhamla abathile ndithetha nje baphangela kwarhulumente njengokuba thina sisezitekisini nje. Abantu elufikela kubo balithatha balifake phantsi kwekhwapha belungiselela izihlobo zabo.
Phumla Jobodwana: Andikaboni nto ingcono mna kule minyaka, mhlawumbi luseza! Ukuba ulutsha abantwana bethu bangaphangela, wonke umntu axakeke aphangele bungaphela nobundlobongela obugquba kweliphondo nakwelilizwe. Uyabona nale yenza umsindo kubantu bakuthi ekubeni bade babetha abantu bangaphandle besenziwa yindlala. Ewe kuthwa masivuke sizenzele kodwa sakwenza njani singenanto esandleni
Siyabonga Ngesi: Ndandineminyaka emine kuphela ngalomhla kodwa ngembali endathi ndayiva ngabazali bam phambi kwenkululeko yeli, kuthwa kwakungekho lula! Mna ndiyancoma xa ndijonge ngoku ingathi siyatamza uyayifunda lonto ufuna ukuyifunda nakweyiphi na iyunivesithi njengam ndenza izifundo zobuxhakaxhaka beKhompuyutha edesikeni ndabelana nomntu omhlophe.
Bulelani Mlenze:
Ndandikhona ngonyaka ka-1994! Ewe lona lukhona utshintsho, nangona lungekho kangako kuba ekufundeni kwethu babeye bathi ootishala bethu xa uthe wanebanga leshumi unesitixo sento yonke kodwa ngoku akusenjalo, sasibanethemba lemisebenzi kodwa ngoku saphelela kweziteksi asithi umsebenzi weetekisi nguwona ubhetele qha sancamela.
Sihle Vabantu: Andifuni kuphosisa lukhona utshintsho oluninzi nakuthi thina bantu bamnyama siyabulela kakhulu kuba siyabona izinto esasi ziqhanqalazela zisenzeka.
Kuzo zonke izinto esiye sizikhalazele urhulumente uyavula akavali koko ufuna umntu aphakame akukho nto iza kuzela uhleli phantsi
Phumla Kama:
Andiboni tshintsho ndisahlala etyotyombeni oko ndandihlala kulo phambi kwenkululeko ndivota nje. uX wam uhamba nje andiphangeli njengangoku ndisuka ejophini andinandlu kuxhamla abantu abathile.