News

Urhulumente wandisa iinkomo eNkonkobe

Siyabulela Mqikela|Published

Siyabulela Mqikela

Umphathiswa wesebe lophuhliso lamaphandle kweliphondo uMlibo Qoboshiyane unikezele ngeenkomo eziquka inkunzi zamaBhraman, iiNguni neeBhonsmara kumafama amangaphezu kwamakhulu amathathu eQhibirha ngase Debe eNkonkobe izolo.

Ethetha nalamafama uQoboshiyane uthi liphelile ixesha labantu abahlala besola urhulumente, bekwakhuza ubungakanani bendlala endaweni yokwenza umsebenzi wokuvelisa ukutya ngokwabo.

“Ndifuna ukuba nazi ukuba ezi zinkomo zezenqoma, kuba ndijonge ukugqithela kwezinye iindawo kwixesha elizayo, ngoko ke kufuneka nizisebenzise kakuhle nandise imihlambi yenu ukuze uphucuke umgangatho wenkomo zenu,” utshilo uQoboshiyane.

Amafama walangingqi afumana lenkxaso emva kokuba athi abonakalisa umdla wokufuya ingakumbi iinkomo zenyama ngenjongo zokuziphilisa. La mafama afumana esisibonelelo phantsi kwemibutho eyahlukileyo equka iLaphuma Ikhwezi Farmers Cooperative, nenjongo zayo ikukuphuhlisa abantu ngokufuya kwanokulima imihlaba edinga ukusetyenziswa.

Omnye kwabo bathe baxhamla uNonzwakazi Mpongoshe uthi ukufumana ezinkomo ingakumbi iinkunzi kuzakunceda ukuphucula umgangatho wenkomo ingakumbi ezo zenyama.

“Sivuya kakhulu ukufumana ezinkomo ingakumbi inkunzi ezi kuba besinenkunzi ezimbini kuphela kumhlambi omkhulu kakhulu weenkomo, ngoko ke ukongezelelwa okunje kuzakwenza ukuba uphucuke ngamandla umgangatho wemveliso yethu,” uthethe watsho uMpongoshe.

Ukanti ingxelo ye-ofisi kaQoboshiyane ithi lomphathiswa kulindeleke ukuba agqithele nakwabanye oomasipala abaquka umasipala wase Chris Hani nalapho kulindeleke ukuba kuncediswe amafama asakhasayo ngamacebo kwanezixhobo zokusebenza.

UQoboshiyane ugxeke ngokumandla abantu abathi babhenele kulwaphulo-mthetho ngenxa yokonqena ukusebenza umhlaba bavelise ukutya.

“Ndingathanda ukulumkisa abantu abathi bophule umthetho ingakumbi abathi bahlasele amafama, nanjengoko bendisandula ukuva ngesiganeko somfama ogetyengwe kwifama yakhe eNelson Mandela Bay. Kungekudala urhulumente uzakuthatha amanyathelo okulwa nezinga lokungalawuleki okungxamele ukuqatsela kweli,” utshilo uQoboshiyane.

Urhulumente wandisa iinkomo eNkonkobe