News

Mququ uqiqa umsebenzi wezandla eDuncan Village

Abongile Ginya|Published

Ngamanye amaxesha abazali baye bangayivisisi ncam into yokuba umntwana alandele ikhondo lo mculo, ukudlala eqongeni nelokuzoba. Abazali baye banqwenele ukuba umntwana alandele ikhondo lokuba ngumfundisi-ntsapho, lokuba ngugqirha, njalo njalo. Abaye bakholelwe ukuba ungakwazi ukuzivulela ishishini lakho usebenzisa izandla zakho nengqondo uzirholise ngokunokwakho, kodwa yena umama kaSikho Mququ khange afane nabobazali kunyana wakhe uSikho; uye wamkhulula ekubeni enze lo nto isentliziyweni yakhe. Namhlanje sibene nyweba yokulumana naye indlebe esixelela ngemvelaphi yakhe nokuba ufunde phi, uthando lokuba neshishini luqale nini!

Udliwano-ndlebe noomashishini: Sikho Mququ

Molo, molo, mntakwethu. Sicela usixelele ngawe; unangaphi? usuka phi? wenza ntoni?

Ndinamashumi amabini anesithandathu eminyaka ndazalwa. Ndiyinzalelwane yedolophu yaseMthatha kwilali yaseRosedale. Siba thandathu kumama; mna ndingo wesithathu. ERosedale kulapho ndikhulele khona, kulapho amaphupho nam kwanothando lwam lokusebenzisa izandla zam luqale khona. Ndiye ndenza amabanga am aphantsi kwisikolo iZizamele ekwilokishi yaseKhwezi eMthatha, ndaphuma ndayokwenza amabanga am aphezulu eLingelihle kuKomani. Ndakuba ndigqibe ibanga lam leshumi ndayokutshona kwelentlanzi (eKapa) nalapho ndiye ndafunda kwiiKholeji ezohlukeneyo kwiminyaka emibini ndipha nalapho bendifundela ezobuchwephetsha nanjengoko ndakhula ndinothando kubuchwepetshe. Oko ndandikhula ndandinqwenela ukuba umsebenzi wam uzube nento yokwenza nokusebenzisa izandla zam kuba ndakhula ndikuthanda ukuqhaqha izinto ezifana noonomathotholo, iirimowuthi kwakunye nezixhobo zokubala nokuba sezisebenza zingenangxaki.

Wazi bona phi ukuba unaso isakhono sokuba ungakwazi nawe ukuba ungakhupha into entle kwaye ebambekayo ngesandla sakho?

Emveni kokuba ndibuye eKapa ndiye ndayokucela indawo kwakhona kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu apha eMonti nalapho ndiye ndaxonxwa khona ngakumbi kwizifundo zoZobo. Ndiye ndazigqiba ngokumane isikolo sisinike ithuba lokuba siye kwiGrahamstown Arts Festival ebanjwa minyaka le kweli phondo leMpuma-Koloni. Ndaye ndaba nethamsanqa lokuba ndidibane negqala kwezoZobo Meshack Masuku noyinzalelwane yaseSwaziland. Ndikule ndawo nje ndingathi nguye. UMasuku sele ngoku engumhlali kweli phondo.

Kutheni usithi nguye nje owakubeka apha?

UMasuku zange andinike bunzima zisuka nje ndidibana naye eRhini koko wavele wandithakazelela esithi nanini na ndifuna uncedo ukhona zendinga sokoli. Ekuhambeni kwexesha ndiye ndayokuhlala kwakhe into engango nyaka ndingakhuphanga nesenti emdaka endinceda. Ndemka kwaMasuku kuba ndizibona nam ndiphekekile. Ndemka enga khange atsho ukuba mandihambe kuba ndandifuna ukuyokuzivavanya ukuba ingaba ndingakwazi kusini na ukuzimela? Kwa tat’ uMasuku sasisenza yonke into nebendingekacingi ukuzenza ndaphuma ndikwazi. Ndithetha ngezinto ezifana nokwenza iiKomityi, iiVazi zokuhombisa, izinto zasemqaleni kwakunye namatye abhaliweyo.

Uqale nini okanye uqale ngaphi ukuzimela? Kwaye wenza njani ube namhlanje ulapha eGompo Art Centre?

Ndiqale ngonyaka ka-2012 emveni kokuba ndiye ndeva ukuba kukho indawo enje. Ndazama ukuba mandilandele imiqathango ekwakuthiwe mandiyilandele ngethuba ndandizokucela indawo. Andizange ndisokole nakubantu endafikela kubo apha ndabe ndiya ngena.

Wazifumana njani izixhobo zokusebenza?

Ndaye ndafika kukho ezikhoyo kweli gumbi nangona zazingasebenzi nje; sezonakele. Ngoncedo luka mama wam ndakwazi ukuba ndiqothoze ukuqalisa ukwenza umsebenzi wam kuba waye wandongeza imali yokuthenga ezinye izixhobo.

Aye akuncedisa njani la maqumrhu ajongene nokuphuhlisa uluntu afana nooNYDA nooSEDA?

Andifuni ukuxoka andikhange ndisokole ngethuba bendifaka isicelo soncedo kula maqumrhu. Enye into eyandincedayo yeyeokuba zange ndiye kubo ndingenanto esandleni, ndiye ndacela ndinento. Kaloku besendiqalisile ukusebenza ndandisendilibhalisile neshishini lam; iNYDA ifuna umntu ocela sele ephethe - athi ekhupha imali abe ebona imigudu osele uyenzile, kungoko ke ndingazange ndisokole ekubeni bandixhase.

Igaba uluntu ngaphandle luyazithenga kwaye luyazithanda izinto zakho zokuhombisa ozenza ngesandla sakho? Kwaye ngabaphi abona bantu obajongileyo ekubeni bathenge?

Apha ekasi akuthengwa kakhulu! Ndincedwa kuphuma xa kukho imiboniso ndiye ndibeke eyam itafile kwezo ndawo zinemiboniso - ndancedwa kukubhalisa kwiincwadi zeenkqubo zale miboniso. Lo nto yandinceda kakhulu kuba ndiye ndifumane isimemo xa kuzobakho lo mboniso; kuthengwe futhi kwitafile yam ingakumbi abo bebala elimhlophe. Abanye ke babuke nento ekhuthaza ngakumbi keleyo kuba kuthi nokujonga nokuba awuzukuthenga kubalulekile kubonisa inkuthazo kum, kwaye ubazi abantu obathengiselayo neendawo ohamba kuzo.

Yeyiphi enye yendawo ofumana ithuba lokubonisa kwanokwazisa ngomsebenzi wakho?

Umnyhadala wezobugcisa obanjwa rhoqo ngenyanga yeSilimela kwidolophu yaseRhini kweli leMpuma-Koloni uyayidlala indima ekusiphuhliseni thina sisakhasayo kwezoshishino. Uye usinike ithuba lokuba ubonwe umsebenzi wethu sikwazi nokunxulumana nabasele bephumelele basakhe balungise nalapho sigwenxa khona. Kulapho ndaye ndadibana na lo ndithi uyiMentor yam; uMeshack Masuku, owandibeka kule ndawo ndikuyo ngoku.

Umntana oseYunivesithi, osekhaya ebesekhe wazama ukuzivulela elakhe ishishini watyhafa kuba engafumani ncedo? Abe ebebazamile ooNYDA akancedakala - ngcebiso ni onokuthi umnikeze yona?

Kule mihla sele kukho uGoogle - www.google.com - umntu angakwazi ukuba akhangele eli khono afuna ukulilandela.Ukuzidibanisa nabantu abenza le nto unqwenela ukuyenza ebomini ufune ulwazi kangangoko; uqonde ukuba ungenza njani wena.

Umphako kumntu ojonge kuwe, omtsha?

Xa ufuna into kholelwa ukuba ayizokuzela! Abantu abadala bane ntetha ethi ‘ayikho into ezokuzela ugcakame ilanga’ baye bathi phakama utshise le nto ucinga ukuba ingakwenzela ubomi obungcono.

Imiceli-mngeni kumsebenzi wakho?

Kukuba utshise izixhobo zokusebenza kuba ungekayazi ukuba isetyenziswa njani ube uwedwa mhlambi, kungoko kufuneka uzondle ngolwazi kuqala.

Iziqhamo zokuziqasha?

Kukulala uzazi ukuba ngengomso uzokwenza ntoni, ukuqalisa into entsha ube ungangxanyiswa mntu. Ukuyonwabela into oyenzayo, uyakwazi ukuqhawula amadinga akho nanini na kodwa ube ukwazi ukuzilawula uzihloniphe kwaye uhloniphe nomsebenzi wakho bazokwazi nokukuhlonipha abantu.

Bangaphi obaqeshileyo kwelishishini lakho?

Okwangoku usemnye nguMafuzandile Solombela nobengumfundi eWSU. Andinakutsho ukuba ndimqeshile, ndingathi ndiyamqeqesha njengam uba ndaqeqeshwa.

Yintoni ekwenza uzidle ngomsebenzi wakho?

Kukuba wohlukile kuneminye, andikopi kokabani, kwaye ndiye ndizive ndinegunya ndakuzibona zidwele pha ndibe ndisithi ngaphakathi andikholelwa ukuba sisandla sam esi, ingakumbi xandizibona nakwiivenkile zixhonyiwe.

Banqabile abantu abatsha abaye bancame indawo zabo zokuhlala kwanobumnandi, wena kwakutheni uzuncame?

Luthando, kwanokufuna le nto uyifunayo ebomini bakho, umnqweno wam ngoku kukuphuhlisa abantu abaninzi. Yabantle into endayenzelwa ngu tat’ uMasuka; wabe engajonganga nzuzo koko endiqeqeshela ukuba nam zendibe yinto okanye ndibese ndaweni ngenye imini.

Ekhaya? Umama, utata, usisi onqwenela ukubona kwanokuthenga umsebenzi wakho abe engavanga ngomboniso angenza njani?

Sifumaneka apha kweli ziko iGompo Art Centre kwilokishi yaseDuncan Village, nakunxibelelwano lwale mihla siyafumaneka.

Ukhuphiswano, kulo msebenzi uwenzayo, ingaba lunjani mhlawumbi?

Andifuni ukuphosisa kuse lula. Unobangela woko kukuba banqabile abantu abenza lo msebenzi wezandla ndiwenzayo. Noko akukho khuphiswano lungako.

Awokugqibela?

Umyalezo wam koogxa bam: phakamani, zimameleni iingcebiso zabantu abasele bephumelele, phumani niyokufunxa ulwazi kangangoko kwizinto eninomdla wokuzenza, hamba hambo dika emntwini akubone ukuba uyinxanelwe le nto uyifunayo.