Abongile Ginya
Indoda eneminyaka engamashumi amabini anesine izakuvela kwinkundla yamatyala kuGatyana emva kokubanjwa ngezityholo zokudlwengula intwazana eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe kuNxanxashe kuGatyana ngoMvulo.
Ingxelo zithi le ntwazana ibikobude ubuthongo ngethuba isiva ingxolo yokophuka kwefesitile, kanti kungethuba kungena le ndedeba.
Umrhanelwa ukwazile ukungena ngaphakathi exhobe ngemela, ze wangqala ngqo kumandlalo wokulala wale ntwazana nafike wayihlaba phambi kokuba ayidlwengule.
Isithethi sasemapoliseni uKhapteni Jackson Manatha uthi umrhanelwa uqweqwedise le ntwazana esithi ingakhe ilinge ingxole.
Uyidlwengule wade wabe naye ulala ecaleni kwentwazana kwade kwaba kuyasa, nto leyo ibangele ukuba kubelula kule ntwazana ukwazi ukuba ngubani lo ebeyidlwengula.
UManatha uthi intwazana ivuke yayokubika koomelwane nabathe yabangabo abamkhaphazelelayo ukuya kwisikhululo samapolisa akuGatyana.
Amapolisa aye enza uphando kwangoko nanjengoko ekwa ngumhlali waselalini le yakuGatyana; ambamba aze ayokumvalela kwizisele.