East London 17-04-2015 UXolelo Nkukhwana wathi waphulukana nengalo yakhe yasekunene, emva kokuhlaselwa ngamaDindala eJele.umfanekiso Phando Jikelo East London 17-04-2015 UXolelo Nkukhwana wathi waphulukana nengalo yakhe yasekunene, emva kokuhlaselwa ngamaDindala eJele.umfanekiso Phando Jikelo
Abongile Ginya
Limfiliba nangakumbi ikamva lendoda yase Dutywa eyabethwa ngamadindala aseDutywa yaqhawuka ingalo.
UXolelo Nkukwana waku Wakeni eDutywa wabethwa lidindala wadumba ingalo yase kunene ngonyaka ka-2006. Waye banjelwe ityala lodlwengulo sele wasigqiba esosigwebo sakhe seminyaka emithandathu.
UNkukwana uthi ingalo yakhe kwanyanzeleka ukuba iqhawule ngonyaka ka-2008 emva kokubhidla. Uthi idindala elalimbethile “ngenxa kanobenani” selaxhoma kumsebenzi walo esebeni.
Xa uNkukwana ezama ukuthetha namagosa esebe lezoluleko uthi amxelela ukuba makaye emagqwetheni. “Bathi sokuze benze nanto malunga nebango lam. Bathi mandiye emagqwetheni. Kudala ndisehla ndisenyuka ndizama ukuba ndihlawulwe,” utshilo ethetha neliphepha-ndaba.
“Akukho nyathelo ndingalithathanga, kwankqu ne-ofisi yomkhuseli woluntu (Public Protector) sele ndiyibhalele ndibika lomba wam. Umbutho wamagqwetha aseMzantsi Afrika (Law society) nawo ndiwubhalele kodwa abakaphenduli.
Ngoku ndibongoza nina maphepha-ndaba nindincedise ndikwazi ukufikelela kwi-ofisi kaMongameli uJacob Zuma.”
UNkukwana uthi eyona nto ayifunayo kukuba ahlawulwe lisebe lezoluleko imali engange zigidi ezithathu zeerandi (R3m).
“Ingxaki kukuba andisakwazi kuzenzela izinto endandikade ndizenza, andisakwazi ukulima, ukuqhuba isithuthi kuba umsebenzi wam ndandikade ndingumqhubi wezithuthi zika wonkewonke andikwazi ngoku. Akululanga ebomini bam, ndiyasokola ngenxa yokubethwa ngethuba ndandidontsa isigwebo sam,” utshilo uNkukwana, noneminyaka engamashumi amathathu anesine.
Othethela isebe lezoluleko apha kwiphondo leMpuma Koloni uZama Feni uthi kudala bezenza iinzame belisebe becebisana noNkukwana ukuba makathabathe nawaphina amanyathelo “ntonje akazimameli ezethu iingcebiso koko ufuna ukusimangaleli,” utshilo uFeni.
Igqwetha elizimeleyo kwidolophu yaseMonti lithi lingamcebisa ekubeni aqale phantsi lo ka Nkukwana ngokuthi ayofaka ityala elitsha kumapolisa akufutshane naye. UNkukwana uthi waxelelwa ukuba alahlekile amaxwebhu akhe kumapolisa aseDutywa.
Uthi usezakuthi gqolo engena iminyango de afumane intlawulo yakhe.