Siyabulela Mqikela
Kuvunyelenwe ngokuba kukhe kunqunyanyiswe okwethutyana ukumiswa komfanekiso oqingqiweyo kakumkanikazi uNonesi kwidolophu yase Lady Frere kumasipala wase Malahleni.
Oku kusemva kokuba kubekho ukungaboni ngasonye phakathi kwamaqela achaphazeleka kulomcimbi, ingakumbi inkosi zesizwe sakwa Gcina ezilawula kule dolophu ngokwasebukhosini. Othethe egameni lalo masipala uLuthando Nqumkana uthi kuvunyelwe kwintlanganiso yokugqibela ebibanjwe kwiveki ephelileyo okokuba umiswe lo mcimbi.
“Kuvunyelwene, kwintlanganiso ebibanjwe ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe ku Tshazimpuzi, ngawo onke amaqela ukuba ukumiswa kwelitye lesikhumbuzo kumiswe kuqhutywe kuphela nesifundo ngobomi buka Kumkanikazi uNonesi,” uthethe watsho uNqumkana.
Ukanti zimi azijiki iinkosi zakwa Gcina kwelazo icala ngelithi azinakuvuma ukumiselwa komfanekiso ogqingqiweyo weKumkanikazi uNonesi kumbindi wala dolophu. Oku kusemva kokuvuthwa kwengxoxo emalunga nombono wokuba kumiselwe umfanekiso oqingqiweyo weKumkanikazi uNonesi kumbindi wedolophu. UNonesi waye yinkosikazi kaKumkani uNgubengcuka nowathi wamisela umzi wakhe kwenye yelali zase Lady Frere uGqebenya ngeminyaka yo 1800. Iinkosi zesizwe sakwa Gcina zithi azikwamkeli ukuba lo mqingqwa wenziwe ube ngoka Nonesi, kuba besithi zikhona iinkosi ezifana noNkosi uZwelixolile Mpangele ebezinokunikwa imbeko yokuba kwakhiwe lo mqingqwa egameni lakhe. Othethe egameni lekomkhulu lamaGcina unkosana uPhalazile Zweliphela Mlanjeni uthi abajiki kwelokuba lomqingqwa mayibe ngoka Nkosi uZwelixolile Mpangele. Ethetha kudliwano-ndlebe neliphepha-ndaba lo ka Mpangele uthe. “Eyona nto inganelisiyo apha ngazo zonke ezinguqu kukuba asixelelwa ngezizinto xa zizakwenziwa, sibona sele kusithiwa kwenziwa inguqu ezinje, asinakuvuma,” uthethe watsho uMpangele. Ingxelo ka Nqumkana ithi kuzakunikwa ithuba lokuba kwenziwe uphando sifundo ukuze kamva kunikwe uluntu ithuba lokuba lufake izimvo zalo ngalo mcimbi.