Siyabulela Mqikela
Umphathiswa wesebe lezindlu kweliphondo leMpuma Koloni uHelen Sauls-August ekunye nosodolophu wase- Amathole uNomasikizi Konza, bazakugqithisa indlu entsha kwisapho lakwa Ntetho eNyarha, kumasipala wase Nxuba. Ingxelo ithi lendlu emagumbi mabini okulala yakhiwe ngenxa yokuba olusapho lunonyana ongenamilenze ominyaka isixhenxe uAyolise Ntetho.
Olusapho luphulukene nendlu yalo emva kokuba yathi yasitshulwa ngumoya ngenyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo baza basala bengena ndawo yakufihla intloko.
Olusapho luchazwe ukuba luxhomekeke ncakasana kwizibonelelo zikarhulumente ezifunyanwa nguninakhulu walenkwenkwana. Kwaye balusapho olunabantu abathandathu abahlala phantsi kophahla olunye phantsi kwezomeko zimaxongo.
Le ndlu kulindeleke ukuba ifakelelwe umbane kwakunye nempahla zangaphakathi eziquka ifenitshala,ekhitshini nakwigumbi lokuhlala. Ukanti umasipala wase Nxuba ukwancedise lenkwenkwana ngemilenze eyenziweyo ukuba ikwazi ukuhamba.Ingxelo ithi zizindlu ezingaphezu kwewaka ekulindeleke ukuba zakhiwe kweliphondo leMpuma Koloni kulo nyaka -mali.Ezi zindlu zakhiwe nge njongo zokuncedisana ngoku kodwa neentsapho ezikwimeko ezimaxongo ingakumbi mayela nendawo zokuhlala. Lo msebenzi yinxalenye yephulo elibizwa ngokuba yiDestitute and Vulnerable Programme. Ngethuba esenza intetho yakhe yohlahlo labiwo -mali kwinyanga ephelileyo,umphathiswa uHelen Sauls-August uthembise ukuba isebe lakhe lizakwandisa inani lezindlu ezizakuthi zakhiwe eMpuma Koloni ngenjongo zokuphucula ubomi babemi beliphondo. Le ngxelo ilebele ngelithi uphucukile umgangatho wezindlu ezakhiwayo ngurhulumente ngoku, nanje ngoko zifakelwa iceiling,kwaye zityatyekwa ngaphandle nangaphakathi.
Oku kuphelisa izikhalo ezihlala zikho kubantu belizwe malunga nomgangatho wezindlu abazakhelwa ngurhulumente.