Abongile Ginya
Amapolisa aseGcuwa aphanda ityala lokuphanga kwanokubulala, emveni kodubulwano oluthe lwenzeka kwidama laseGcuwa elaziwa ngokuba yiGcuwa Dam, nalapho kudutyulwe indoda enamashumi amane anesibhozo emva kwemini ngoLwesithathu.
Le ndoda idutyuliweyo nengachazwangwa ngagama nanjengoko kungekachazwa kwizihlobo zayo, ibihleli nentokazi encuma nayo ngethuba kusenzeka oku.
Ingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKhapteni Jackson Manatha zithi, esisibini, ngethuba sizihlelele kwindawo yokuphola, kufike abarhanelwa ababini omnye kubo enomkhono wekati. Abarhanelwa aba bafike bafuna imfono-mfono bathatha nemali kwintokazi emveni koko badubula indoda le entloko.
UManatha uthi le ndoda iye yabalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa nebhubhe isendleleni eyakhona. Bobabini ababarhanelwa abakabanjwa nanjengoko kusakhangelwa ngamapolisa.
Kungoku nje kuyabongozwa ekubeni nabanina onokuba nolwazi ngabo ancedisane namapolisa alammandla xa ebabonile.
Inombolo yamapolisa aseGcuwa ithi 047 401 1100.
I-Gcuwa Dam yenye yendawo zolonwabo kulammandla kwaye nomasipala waseMnquma usebenzisa landawo xa ubambe iminyhadala yakhe emikhulu yezolonwabo.