Siyabulela Mqikela
Kulindeleke amaqabaza wekhephu kwindawo ezithile zephondo leMpuma Koloni nanje ngoko ungena ngamandla umsinga obandayo kweli loMpuma Koloni, ingakumbi kwidolophu yaseRhafu nendawo ezingqongileyo.
Lo msinga urhuqa ikhephu kulindeleke ukuba unabele kwindawo ezigudle intaba zoKhamba kwiphondo laKwa Zulu Natal kamva.
Ingxelo yabakwa Snow Report SA ithi indlela eziphambili zeliphondo leMpuma Koloni ekulindeleke ukuba zichaphazeleke ngokumandla ziquka iNaudesburg Pass kwakunye neWapadsberg Pass nezidla ngokubangela ukuvaleka kwendlela xa likhithikile ikhephu.I Wapadsberg Pass ilisango lokungena kwidolophu yase Kaladokhwe ngohola wendlela uR61, kwaye ezingxelo zithi abaqhubi bayalunyukiswa ukuba bakhangele ndlela zimbi eziquka indlela ephuma eMetele okanye eSomerset East ukuzama ukubaleka ukulibaziseka okanye ukuzifaka emngciphekweni.
Lengxelo ihambisa ithi iphondo leMpuma Koloni kulindeleke ukuba ligagane nobona busika bubandayo nobona bakhe babude kulonyaka. Lengxelo ihambisa ithi eliphondo leMpuma Koloni kuzakunyanzeleka ukuba lizilungiselele obona busika bakhe babanda kwimbali,kwaye kukwalindeleke izandyondyo zemvula ntoleyo ingaqhelekanga kweliphondo leMpuma Koloni.
Lo msinga ubandayo ungene kweli ngolwandle lase Kapa,kwaye kulindeleke ukuba utyhutyhumeze iMpuma Koloni ukuze ugqithele kwiphondo laKwa Zulu Natal. Ukuwa kwekhephu okumandla kweli leMpuma Koloni kugqibele ngenyanga yeKhala ngonyaka ka-2011.
Kutshanje zivakele iingxelo zokuba iphondo leMpuma Koloni lizakufumana eyona mvula xa lithelekiswa namanye amaphondo elizwe loMzantsi Afrika.