Abongile Ginya
Amapolisa eli phondo leMpuma-Koloni athi aqule aligangatha ukulungiselela abo bangathi babenengcinga zokuqalisa udushe lokubukula abemi bangaphandle.
Oku kulandela emveni kweziganeko zabantu bangaphandle abahlaselwe babhubha luluntu lakwaZulu- Natal, ngelithi mabaphume baphele kwindawo yabo baphindele kumazwe abo. Eli phondo belikhe laduma nalo ngokubukulana apho ibichaphazele indawo yaseBhayi kwakunye naseTinarha.
Othethela amapolisa ephondo leMpuma-Koloni uBrigadier Marinda Mills uthi, amapolisa eliphondo azithathele ingqwalasela eziziganeko zenzeka kwelaphondo.
“Umkomishinala uCeliwe Binta, sele ezilumkise zonke izikhululo zamapolisa zeliphondo ekubeni ziqule kwaye namapolisa ahlale evule amehlo ukuqinisekisa ukuba imizi kwa nabantu bangaphandle bakhuselekile kweliphondo,” utshilo uMills.
UMills wongeze ngelithi sele belungile belindele nantoni na enokuthi yenzeke nakweli phondo leMpuma-Koloni. Nongumkomishinala wamapolisa kuzwelonke uNjengele Riah Phiyega uzidizile ingxelo ezithi amapolisa aqulile, kwaye bawongezile namanye amapolisa kangangoko kummandla wakwa Zulu -Natal.
Ukwathe nokuba ingathi inwenwele nakumanye amaphondo bengamapolisa sele belungile. Ukanti iingxelo ngoku zithi, abemi bangaphandle bazivalile iivenkile zabo ngelisoyikela ubomi babo.