News

I-Coffee Bay izakujikwa ibeyidolophu

Abongile Ginya|Published

Abongile Ginya

UMasipala waseKing Sabatha Dalindyebo, uvakalise ukuba unxweme oluyintandane kula mmandla i-Coffee Bay, lizakunikwa ingqwalasela emandla, liphuhliswe.

Lo masipala ubephefumla kwizimvo zomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Somadoda Fikeni, nokwakwigqiza eliququzela ukuphuculwa kwesikhululo senqwelo moya saseMthatha, zokuba urhulumente makancedise kuphuhliswe ulwandle lwaseCoffee Bay nelase Sajonisi ngenzame zokuloba abakhenkethi ukuze kukhule uqoqosho. Othethela lomasipala, uSonwabo Mampoza, uthi bayazithakazelela ngakumbi iingcebiso kwaneembono ezijongene nophuhliso kummandla wabo.

“Sithetha nje icandelo lophuhliso loqoqsho lwasekuhlaleni kumasipala wethu lityelele eCoffee Bay ukuyokuhlola nanjengoko siyazi ukuba lo masipala kulindeleke ukuba uqalise nanini ukwakha kulandawo nanjengoko sinezicwangcizo ezihle. Kuzakwakhiwa idolophu entsha eCoffee Bay. Iinjongo zethu kuku phuhlisa lammandla khon’ukuze sixhamlise uqoqosho lwethu. Sifuna lowo uzakutyelela phaya abenayo indawo yokulala kwaye kuzakwakhiwa nendawo yokubambela iindibano,” utshilo uMampoza.

“Enye yenjongo zethu, kukuba sidale namathuba emisebenzi nanjengoko siyazi ukuba lomasipala unoluntu oluninzi olu ngaphangeliyo ubuninzi balo,” waleke njalo uMampoza.

UMampoza uthi kwizicwangciso kwanongenelelo lukamongameli welizwe loMzantsi Afrika uJacob Zuma, yavela into yokuba i-KSD yenye yoomasipala abakwithuba lokunyusa kwanokuphuhlisa ezoqoqosho. Uthi zininzi izinto ezizakuthi zenziwe kulammandla ukuqinisekisa ukuba landawo iyaphuhla.

UMphathiswa wezothutho apha ephondweni uWeziwe Tikana uvakalise ukuba bayalwamnkela uncedo oluphuma kumongameli ekunye norhulumente.

Kwicandelo lolwaphulo-mthetho, oluthande ukuphatha mbengwana abatyeleli eCoffee Bay, uMampoza uthi umasipala uthe gqolo ukusebenzisana namapolisa alangingqi ukuqulunqa amatile-tile okhuseleko lwabakhenkethi. UMhlekazi (Major) uZamukulungisa Jozana, osisithethi samapolisa aseMqanduli, apho iCoffee Bay ikhoyo, uthi bathe gqolo ukwenza utyelelo nogqogqo eCoffee Bay. “Iinjongo zethu kukhusela abatyeleli kulo mmandla,” utshilo uJozana.