Siyabulela Mqikela
Lizele amaduna namathokazi iphulo lolimo kumafama ase Bholothwa eDutywa emva kokungenelela kwesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweliphondo leMpuma Koloni.
Ingxelo yelasebe ithi awawuvali umlomo amafama emva kokuqaphela ukuba unyukile umthamo wesivuno abazakusibona kulonyaka nanje ngoko sele kumbovu ukuba kuqaliswe ukuvunwa kombona. Ethetha nalamafama eBholothwa ngoLwesibini, umphathiswa wesebe lolimo nophuhliso lwamaphandle umnumzana uMlibo Qoboshiyane uthi kuyabavuyisa ukufumanisa ukuba azimisele ukwenza umsebenzi wokuvelisa ukutya amafama ase Bholotwa.
Lengxelo ihambisa ithi isivuno salamafama sinyuke ngeetoni ezimbini kumasimi angaphezulu kwekhulu ebekutyalwe kuwo umbona. Imbalela ebiqatsele kunyaka ophelileyo ayikhange iwathibaze lamafama kumalinge awo okwenza umsebenzi wawo wokulima umbona kwezomeko zimbi.
Othethe egameni lamafama umnumzana uMlamli Ndyotyeni uthi bengamafama ase Bholotwa bahamba phambili kwimveliso yombona nangona ikhona imiceli-mngeni abadibana nayo. Ingxelo kaNdlotyeni ithi lombona bawuthengisa kwimalike ezahlukileyo,omnye bawusebenzise ukuba utyiwe kwiintsapho zabo logama esinye isixa sisetyenziswa ukondla imfuyo yabo.
UQoboshiyane uthi kunyaka-mali ogqithileyo bachithe imali eqikelelwa kumakhulu asibhozo amawaka erandi kwaye bakuthethwano nalamafama kuba banenjongo zokuyithoba lemali ngelikhuthaza lomsebenzi ukuba ukwazi ukuzimela. Ingxelo ka Qoboshiyane ithi yimali eqikelelwa kwishumi elinanye lezigidi zerandi (R11.2m) egalelwe kumasipala wase Mbhashe nge njongo zoku khuthaza imveliso yombona.
UQoboshiyane umemelele iinkosi zemveli zalangingqi ukuba zikhokele ngomzekelo ngokuthi zilime amasimi wazo ukubonisa abantu ukuba bangaphila ngokusebenzisa amasimi wabo, itshilo ingxelo. Uhambisa athi ukuveliswa kokutya ezilalini kulwa indlala engunobangela wemikhutyana ethi iphazamise intlalo yabantu ngokubanzi.