UMphathiswa wezeziMali uEnoch Godongwana.
Image: Phando Jikelo/ Parliament of SA
Uhlahlo lwabiwo mali luka2025 luvunyiwe emva kokuba igqiza elikhokelwa nguSekela Mongameli uPaul Mashatile, ngenkxaso evela kwisebe likazwelonke elilawula iimali zikarhulumente, lithe thaca izisombululo ezahlukeneyo ezenza ukuba ikhabhinethi iluvume uhlahlo lwabiwo mali olutsha.
Kwingxelo, ikhabhinethi igunyazise uMphathiswa wezeziMali uEnoch Godongwana ukuba akhethe kwizinto abaxoxe ngazo aze abele imali kuhlahlo lwabiwo mali ngendlela ethathela ingqalelo imiqobo yezemali, ethoba ifuthe kumakhaya ahluphekayo nanengeniso ephakathi nokuxhasa ukukhula koqoqosho.
Igumbi lalizele luxinezeleko, njengoko amalungu ekhabhinethi ayesazi ukuba izigqibo ezithathiweyo ziya kuchaphazela umzi ngamnye waseMzantsi Afrika.
Oku kuhambelana nemigaqo yecandelo lama27 loMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (1 ka1999).
UGodongwana kunye nesebe elilawula iimali zikarhulumente ngoku bazimisele ukuqukumbela uhlahlo lwabiwo mali kwaye balubeke phambi kwePalamente ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga yoKwindla.
IKhabhinethi ibambe intlanganiso ekhethekileyo ngoMvulo ukuxoxa ngokusilela kohlahlo lwabiwo mali, ethe yabavumela ukuba baxoxe ngakumbi ngohlahlo lwabiwo mali kunye nefuthe kubemi.
Oku kuza emva kokuba kwiveki ephelileyo, ikhabhinethi ilukhabile uhlahlo lwabiwo mali oluhlaziyiweyo, kwesi sihlandlo ngaphandle kokunyuswa kwerhafu nge2%, baxelele uGodongwana ukuba oku akuzukusebenzela abantu.
UMongameli uCyril Ramaphosa kuye kwanyanzeleka ukuba aseke igqiza labaphathiswa elikhokelwa nguMashatile ukuba bancedise uGodongwana ngokukhawuleza ekuqulunqeni izimvo zekhabhinethi ukuze ziqwalaselwe ngakumbi.
Ethetha noonondaba kwiveki ephelileyo emva kwendibano yekhabhinethi, uMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uKhumbudzo Ntshavheni, udize ukuba iziphakamiso ezongezelelekileyo ziyakungeniswa kwintlanganiso yangoMvulo.
Ukuza kuthi ga ngoku, uhlahlo lwabiwo mali lukhatywe kabini yikhabhinethi.
Iye yamiswa kwinyanga ephelileyo emva kokuba imibutho ekwiGNU isilela ukufikelela kwisivumelwano malunga nokonyuswa kwerhafu okucetywayo.
Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uphakathi kwemibutho ekukhabayo ukunyuswa kwerhafu, ngelithi oku kungaqhwalelisa abemi boMzantsi Afrika ngokwasezimalini.
IOL
Related Topics: