Obe iintambo zombane ugwetywe iminyaka eyi15.
UMthozami Thukwayo (67) ugwetywe yinkundla yengingqi yaseMolteno ngomhla wama21 kweyoMdumba 2025 ngezityholo zokonakalisa iziseko ezingundoqo nobusela beentambo zombane.
UThukwayo ubanjwe kwiphulo lentsebenziswano eliqhutywe licandelo leeHawks eliphanda ulwaphulomthetho olunobuzaza nolulungelelanisiweyo elizinze eQueenstown, isikhululo samapolisa saseMolteno, LCRC, K9 Unit, Queenstown Flying Squad, uMphathi wakwaTransnet kunye negcisa.
Isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe ngomhla wama21 kweyoMdumba 2022, igqiza lamacandelo ngamacandelo liphendule kulwazi malunga neveni yohlobo lweToyota single cab ekurhaneleka ukuba ibithutha iintambo zombane kwindawo yaseMolteno.
“Ulwazi olufunyenweyo lukhokelele ekubeni kuqhutywe iphulo ngokukhawuleza lokumisa nokugqogqa iimoto endleleni ukuze kunqandwe isithuthi esixeliweyo. Njengoko le moto isondela, yamiswa yaza yagqogqwa.
“Ngethuba ligqogqa, igqiza labasemagunyeni liye lafumana iimitha zeentambo zombane eziqikelelwa kwiR110 000 ngasemva kwisithuthi,” utshilo uMhlakuvana.
Imoto ibinomntu omnye – umqhubi kuphela – nowazazisa njengoThukwayo. Wabanjwa ngoko nangoko kwaye wajongana nezityholo zokonakalisa iziseko ezingundoqo kwakunye nokuba neentambo zombane.
UThukwayo uvelile enkundleni ngosuku olulandelayo lokubanjwa kwakhe waze wagcinwa eluvalelweni ixesha elide. Emva kweenzame ezininzi zokufaka isicelo sebheyile, ekugqibeleni wakhululwa ngebheyile yeR2000.
UThukwayo uye wavela izihlandlo ezininzi ezinkundleni de wagwetywa yinkundla yengingqi yaseMolteno ngomhla wama21 kweyoMdumba 2025. Wagwetywa iminyaka eli15 ethothoza entolongweni ngaphandle kokhetho lwesohlwayo.
Related Topics: