UMlindelwa Mralatya waseBizana owaziwa ngegama lakhe leqonga, noyimvumi kaMaskandi, uNkunz’emdaka.
Ikhala esimantshiyane imvumi eyaziwayo kumculo kaMaskandi ethe yahlawulwa imali engangeR276.83 yinkampani yomculo ebiphantsi kwayo emva kweminyaka engaphezulu kwelishumi ingafumani nesenti emdaka.
UNkunz’emdaka, nogama lakhe inguMlindelwa Mralatya waseBizana, uthi uqale ukusebenza nenkampani iCool Spot Music ngonyaka ka2006 ukuya kunyaka ka2012, nalapho athi wagqiba kwelokuba ayishiye le nkampani.
“Ndisebenze iminyaka kule nkampani, kodwa ndathi ngokungoneliseki kwam kwicala lentlawulo, ndagqiba kwelokuba ndiyishiye ngonyaka ka2012,” utshilo uNkunz’emdaka.
Ukwathe imali eyiR276.83 ebimhlawule yona le nkampani, uyibuyisele kubo ngelithi mabayisebenzise bona nanjengoko yena engazi anokukwenzela usapho lwakhe ngayo. Le mvumi ikwathe ubungakanani bale mali bubonakale kusisithuko kuye, emva komsebenzi omninzi awenze phantsi kwale nkampani.
Ukanti mhla eqhawula isivumelwano sakhe nale nkampani, uNkunz’emdaka uthi wahlawulwa imali engangeR12 000, emva koko ngonyaka ka2013 wafumana iR800 neyaba yimali yokugqibela awathi wahlawulwa yona yile nkampani, emva koko kwathi cwaka iminyaka, njengoko ngoku sele besithi gqi bemnika iR276.83.
“Iminyaka ngoku ingaphezulu eshumini ndingafumani nesenti emdaka kule nkampani. Maninzi namabali endithe ndaweva, aquka elokuba yathengiswa, kodwa mna endikufunayo koko ndikusebenzeleyo phantsi kwabo,” utshilo uNkunz’emdaka.
Le mvumi ithi nakuba ingasashicileli mculo ngoku ngenxa yokungabi namali yokuhlawula iindawo ezishicilelayo, kodwa uyayazi ukuba umculo wakhe ukhona kuYouTube, kwaye uluntu luyawuhlawulela, kuquka neeDownloads.
“Ibuhlungu into yokusebenza iminyaka ndisenza umculo, ngoba kusasa xa uluntu lusiva kusithiwa ndiyimpula kalujaca, baza kubuza ukuba kwenzeka njani oko, babe bengazi izinto esigqitha kuzo sizimvumi kwezi nkampani,” utshilo uNkunz’emdaka.
Othethele le nkampani, nongumsunguli weAfricori, uYoel Kenan uthe, inkampani awayesebenza phantsi kwayo uNkunz’emdaka iCool Spot Music yathengwa yiAfricori, nekungoku nje eyenza amalungiselelo okokuba zonke iimvumi ezinemali ekhoyo, ibalwe ukuze ziyihlawulwe ingaphelanga inyanga ezayo (eyoMdumba).
UNkunz’emdaka waqala ukucula ngonyaka ka1985, kwaye sele ekhuphe amacwecwe angaphezulu kweshumi naquka elithi Ibhubesi lihlula amadoda, Siyangena thina, Siphuma ngewindi, kunye namanye.
Related Topics: