UJose Riveiro uchwayitile emva kokuqhuba kakuhle kwe'Orlando Pirates kwiNedbank Cup nakwiCAF Champions League.
Image: Itumeleng English, Independent Newspapers
Akonwabanga ncam uJose Riveiro ngenxa yokuxinana kwemidlalo - kodwa kwangaxeshanye, zikhona izinto ezimchwayitisileyo kwi'Orlando Pirates. Umqeqeshi ukuvakalise oku emva kokuba iPirates yakhe ibethe iMarumo Gallants ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eSoweto ngenjikalanga yeCawe edlulileyo.
Ngoku kulindeleke ukuba iPirates ijamelane neKaizer Chiefs emdlalweni wokugqibela kwiNedbank Cup kwinyanga kaCanzibe, eThekwini. Kwelinye icala, iPirates kufuneka ilungiselele umdlalo weCAF Champions League obaluleke kakhulu ngempelaveki.
Ezimnyama ziza kwamkela iPyramids emdlalweni oza kube ungorhatya ngentsimbi yesithandathu ngoMgqibelo, e'Orlando Stadium. Ngumdlalo obalulekileyo kwiPirates ngoba ifuna ukuya emdlalweni wokugqibela kwiCAF Champions League. Kwelinye icala, iPirates ijanyelwe yimidlalo yeBetway Premiership efuna ukuvala umsantsa ophakathi kwayo neMamelodi Sundowns ehleli phezulu.
Njengokuba sekuxeliwe ukuba uRiveiro uyagqibelisa kule sizini, kukho amathuba amathathu okwenza imbali engasoze ilityalwe ngabalandeli bePirates. Phantsi kwegama lakhe, uRiveiro uneendebe ezintlanu.
Ukuba angaziphumelela zontathu ezi azilwelayo, igama lakhe lingaphezulu kuluhlu labaqeqeshi abaqeqeshe iPirates embalini yayo. Okumchulumancisa kakhulu uRiveiro kukuba umsebenzi awenze kwiPirates kwiisizini ezintathu kuza kumnceda njengomqeqeshi osemncinane xa ekhangela amadlelo aluhlaza.
"Ukudlalela indebe amatyeli elandelelana yimbali kwiPirates, kuthi nakubalandeli bonke. Kunyanzelekile ukuba sisebenzele ukuyiphumelela yonke imidlalo esijongene nayo," utshilo uRiveiro emva komdlalo ogqithileyo.
"Kubalulekile ukuba siqhube kakuhle emidlalweni eshiyekileyo kude kuphele isizini. Kwelinye icala sinomdlalo wokugqibela wendebe noweCAF Champions League. Lixesha lokwenza imbali kuthi sonke. Kunzima kodwa kumnandi ukuphila kwixesha elinje. Masilonwabele sonke kude kube sekugqibeleni," uvale ngaloo mazwi uRiveiro.
Related Topics: