USiyabulela Hem yintshatsheli entshatsheli entsha emva kokubetha uJohn Zile emlweno obuseMonti ngempelaveki egqithileyo.
Image: Xaba Promotions/Facebook
Imbethimanqindi yaseMonti, uSiyabulela Hem, iphakamise amanqindi wayo njengophawu loloyiso emva kokwaziswa njengetshatsheli entsha yeWBO Youth World emlweni obungempelaveki egqithileyo.
Le nzalelwane yelokishi yaseDuncan Village izenzele igama elihle ngokufanayo nezinye iimbethimanqindi zephondo leMpuma Koloni emva kokuba ibethe uJohn Zile ngamanqaku emlweni obuphambili kwitumente yamanqindi ebibanjelwe eChristian Centre Abbotsford, eMonti, ngobusuku bangoMgqibelo odlulileyo.
Yimini engasoze ayilibale uHem ngoba impumelelo ayizuzileyo imtyhilele indlela ebomini bakhe. Bekunzima kakhulu emlweni eqongeni ngoba uSiyabulela ebedibene nendoda eze eMzantsi Afrika iyazi kakuhle into eyizeleyo. Kufanele azingce uHem ngoba woyise imbethimanqindi ebizimisele futhi ekwinqanaba eliphezulu kakhulu.
Umlo wala madoda mabini uya kuhlala ezingqondweni zabalandeli bamanqandi ixesha elide ngoba ubukwinqanaba eliphezulu. Itumente ibiququzelelwe yiXaba Boxing Promotions ekhokelwa nguAyanda Matiti. Yitumente eyayibekelwe impelanyanga eKwindla - kodwa yachithwa ngenxa yemeko embi e'Orient Theatre.
Iliqela imilo etshayelele umlo omkhulu ophunyelelwe nguHem ngoku ophakathi kweembethimanqindi ekuza kuthenjelwa kuzo ngabantu baseMzantsi Afrika. UMdeliswa uthe qwaka qwaka uMakibeni wamlahla phantsi kumjikelo wokuqala.
Komnye umlo, uSigaba uwise uNgema wanikezela kumjikelo wesihlanu. Enye yeembethimanqindi ezaziwayo, uNhlanhla Tyirha, igoduke incumile emva kokubetha uMaloni ngamanqaku. Naye uMthintelwa ugoduke enyathelela phezulu emva kokubetha uPhiliso. Kanti yena uTeyise uzibethele uJacobs emlweni weSA Jnr Flyweight.
Related Topics: