UWandile Duba ufake igowuli elincede iKaizer Chiefs ebethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup obusePitoli izolo.
Image: Independent Media
Konwatywe kakhulu ngabalandeli beKaizer Chiefs emva komdlalo wayizolo. Oku kuza emva kokuba iChiefs ibethe iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obutshisa ngorhatya izolo eLoftus Stadium, ePitoli.
Ukubethwa kweSundowns kuthethe ukuthi ishiyeke nendebe enye kuphela engayiphumelela kule sizini eMzantsi Afrika. Kanti kwelinye icala, ukuphumelela kweChiefs kuyinike ithemba lokuncumisa abalandeli abaneminyaka elishumi benxanelwe indebe.
Ihambe phambili iSundowns ngegowuli elifakwe nguTeboho Mokoena ekugqibeleni kwesigaba sokuqala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla udano lubhalwe ebusweni kubalandeli beChiefs abebegcwalise ibala lasePitoli. UWandile Duba usukele abadlali beSundowns benza impazamo emva koko wafaka igowuli lokulinganisa.
Igowuli likaDuba libuyise ithemba nokuzithemba kubadlali beChiefs. Emdlalweni obungenawo kakhulu amathuba, uAshley Du Preez ungene wafaka igowuli emizuzwini yokugqibela kwisigaba sesibini yatsho yaphumelela iChiefs.
Uvuye kakhulu uNasreddine Nabi onexesha elide ezama ukuyilungisa iChiefs ingalungi. Izolo ufumene impumelelo ebaluleke kakhulu kuye. Njengokuba Amakhosi eza kudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup - lo nto ithetha ukuthi iChiefs iza kudlala kwiCAF Confederation Cup.
Oku kuza kwenzeka ngoba iPirates iza kuvala isizini kwindawo ephezulu eza kuyibuyisela kwiChampions League. Yinto enkulu le ngoba Amakhosi ebekhangela into engawafunqula phambi kokusonga le sizini. "Sidlale kakuhle kwisigaba sokuqala. Umdlalo uhambe ngendlela ebesicwangcise ngayo," utshilo umqeqeshi.
"Besisazi ukuba amandla weSundowns aza kwehla ngenxa yomdlalo ebinawo phakathi evekini futhi ingazukwazi ukujongana neAl Ahly ngexesha elifutshane," utshilo uNabi emva komdlalo nakubeni ebephoxwe ligowuli likaMokoena.
"Inye into endiyixelele abadlali ngexesha lokuphumla: 'Lo ngumdlalo wethu.' Kunyanzelekile siphumelele ukuze sonwabise abalandeli nabaphathi beqela. Sikufanele ukuya emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup. Ndiyavuyisana nabadlali bethu," utshilo uNabi ethetha kwiSuperSport TV.
Related Topics: