UPeter Shalulile weMamelodi Sundowns exhagwe ngabadlali beKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe ePitoli izolo.
Image: Independent Media
Akumphathanga kakuhle uMiguel Cardoso ukukhutshwa kweqela lakhe kwiNedbank Cup emdlalweni wayizolo. Oku kucace gca ngethuba ethetha neentatheli emva kokuba iMamelodi Sundowns ibethwe ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eLoftus Stadium izolo ngorhatya.
Ihambe phambi kwisigaba sokuqala iSundowns ngegowuli elifakwe nguTeboho Mokoena. Kodwa Amakhosi alwile afumana impumelelo ngamagowuli afakwe ziifolosi ezimbini, uWandile Duba noAshley Du Preez. Amakhosi afumene igowuli lokuqala ngenxa yempazamo yabadlali beSundowns abadlala emva.
Uvumile umqeqeshi ukuba iimpazamo zinike iChiefs ithuba lokufumana igowuli eliguqule umdlalo. "Ngeke sibaleke, impazamo eyenziwe ngumdlali wethu inike iChiefs igowuli lokulinganisa. Umdlalo bekufanele ukuba uye kwixesha elongezelelweyo ngokwendlela edlale ngayo iChiefs," utshilo uCardoso ethetha neentatheli emva komdlalo obutshisa eLoftus Stadium ebigcwele abalandeli.
"Zizinto ezenzeka ebholeni kakade ezo. Impazamo isebenzele iqela esidlale nalo. Kodwa okubalulekileyo kukuba iSundowns idlale kakuhle futhi ibifuna ukuwuphumelela umdlalo. Siwulawule futhi namalalela wethu aqhube kakuhle kwisigaba sesibini," utshilo umqeqeshi.
"Yona iChiefs ibigade nje amakroba avelayo. Ndicinga ukuba wonke umntu ubonile ukuba umdlali ofake igowuli lesibini ebelalele," utshilo uCardoso watsho esongeza ngelithi okwenzekileyo ngekunqandiwe ukuba iVAR ibikhona ebholeni yaseMzantsi Afrika.
"Kwenzeka izinto ezinje ke emazweni angenayo iVAR. Kukho amaqela awakhutshwa emidlalweni yeendebe ngenxa yeempazamo zoosompempe. Ndicinga ukuba sibethwe ngokwaneleyo ngoosompempe kule sizini.
"Imidlalo esibethwe kuyo ngenxa yeempazamo zoosompempe ndisayikhumbula nangoku. Kodwa ke siphumelela sonke siliqela. Naxa sibethiwe, sisonke. Bekufanele senze ngcono emdlalweni wanamhlanje. Andifuni ukuthetha ngeChiefs ngoba ilwile kwade kwasekugqibeleni. Kusiphatha kakubi ukuphuma kwiNedbank Cup," utshilo uCardoso.
Related Topics: