Iimbaleki ezimbini, uAdriaan Wildschutt noJane Gati Chacha, babuyele emazweni wabo bencumile emva kokufumana iimbaza zegolide eGqeberha ngempelaveki edlulileyo.
Image: Facebook
Iimbaleki ezimbini zibhale iincwadi zembali ngokutsha emva kokutshatshela kugqatso obeubanjlwe eGqeberha ngempelaveki egqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba uAdriaan Wildschutt ebambe indawo yokuqala emadodeni kumgama oyi10km.
Kanti kumanenekazi intshatsheli ibe nguJane Chacha waseKenya obeqaka ukubaleka eMzantsi Afrika. UWildschutt iye kwiAbsa Run Your City yalo nyaka enjenjongo enye: ukophula irekhodi. Uyenzile lo nto emva kokubaleka i10km emizuzwini eyi27:28. Ucime imbali eyenziwa nguPrecious Mashele ngonyaka ka2023.
Emva kokwenza umsebenzi oncomekayo, uWildschutt (26) uvakalise uchulumanco olukhulu ngoba izinto zenzeke ngendlela ebecwangcise ngayo. "Ndivuya kakhulu ngoba ndikwazile ukwenza into ebendiyifuna," utshilo emva kokugqugqisa komnye wemidyarho yeembaleki yaseNelson Mandela Bay Municipality etsala iimbaleki ezaziwayo zamanye amazwe.
"Kumnandi ukophula irekhodi. Ngekukubi kum ukusuka eMelika ndifike apha ndingakwazi ukuyenza lo nto. Bendisazi ukuba umsebenzi uza kuba nzima ngenxa yomoya kodwa ndonwabile ngoba kwenzekile ebendikufuna," utshilo uWildschutt. UWildschutt yimbaleki enethuba elid eqhuba kakuhle kwimidyarho yeembaleki yehlabathi.
Uneembasa azifumeneyo egameni lakhe kweminye yehlabathi - kodwa ikhethekile imbas ayifumene eGqeberha ngoba wenze imbali. "Lugqatso obelunzima kum olu ngoba bendikolunye olufanao kwiveki ephelileyo. Kunzima ukuswabuluka emzimbeni xa imidyarho isondelelene," utshilo uWildschutt olandelwe nguVincent Kipkorir waseKenya noKabelo Mulaudzi walapha eMzantsi Afrika.
Kwicala lamanenekazi, uJane Gati Chacha, obeqala ukuthatha inxaxheba kwiAbsa run Your City, ubuyele eKenya encumile emva kokuzuza impumelelo enkulu ebomini bakhe. Emva kokubaleka kakuhle, khange akwazi ukuzibamba uChacha ngenxa yovuyo.
Ubambe indawo yokuqala emva kokubaleka umgama oziikhilomitha ezilishumi kwixesha eliyimizuzu eyi31:45. Emva kwakhe kulandele uSelam Gebre wase-Ethiopia obaleke imizuzu eyi31:50. Indawo yesithathu ifunyenwe nguGlenrose Xaba walapha eMzantsi Afrika obaleke imizuzu eyi31:56.
"Ndivuya kakhulu. Bendingayilindelanga indlela endenze ngayo ngoba bendiqala ukubaleka ngaphandle kwaseKenya. Ndibulela kakhulu," utshilo uChacha. Zizonke iimbaleki ezithathe inxaxheba kwiAbsa Run Your City zingamawaka amane.
Related Topics: