Idlulele phambili iMamelodi Sundowns kwiCAF Champions League emva kokudlala ntanganye ne-Esperance izolo ebusuku.
Image: MS/Facebook
Bekumnandi kakhulu kumqeqeshi weMamelodi Sundowns emva komdlalo wayizolo. UMiguel Cardoso uvakalise uchulumanco analo emva kokuba iSundowns yakhe idlale ntanganye ngeqanda ne-Esperance Sportive de Tunis emdlalweni weCAF Champions League obushushu eStade Olympique de Rade izolo ebusuku.
Ukungabephumeleli kweqela ebelidlalela ekhaya kuthethe ukuthi iSundowns idlulela phambili kwiChampions League ngoba yaphumelela ngegowuli elinye elafakwa nguPeter Shalulile emdlalweni waokuqala ePitoli. Ibilifumene igowuli iEsperance - kodwa yala iVAR ngelithi umdlali olifakileyo ebelalele.
Ngaphandle kwalo nto, iSundowns ikwazile ukuyikhonkxa abadlali bayo iEsperance abebebonakala ukuba balwela ukufumana amagowuli anokuyinceda iphumelele. Ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye ke yena umqeqeshi ngoba ukhuphe iEsperance eyamgxothayo kwiChampions League.
Emva komdlalo, uCardoso uvumile ukuba ukuba umdlalo ubunzima watsho encoma iSundowns. "Ibingumdlalo onzima - kodwa bendingalindelanga umdlalo olula kulo mgangatho esikuwo. Akukhathaliseki nokuba udibena neliphi iqela," utshilo uCardoso emva kokushiya iintliziyo zabalandeli be-Esperance zityumkile.
"Khumbulani ukuba besidlala neqela elidlale umdlalo wokugqibela weChampions League kunyaka ophelileyo. Kodwa size emdlalweni sizazi ukuba sinawo amandla okulibetha sidlulele phambili. Bekunyanzelekile size emdlalweni sizixelele ukuba kufuneka sisebenze ngaphezulu kwayo iEsperance," utshilo umqeqeshi.
"Sidlale kakuhle kakhulu ngoba umdlalo besiwulawula kakuhle sisiya phambili. Asifumananga gowuli nakubeni sizikhabela iipali. Sidlale kakuhle ngendlela umdlalo obufuna sidlale ngayo. Abadlali bethu baqubisene nomdlalo ngendlela encomekayo kakhulu.
"Ngokuphumelela kwethu, sifuna abalandeli beSundowns bonwabe nabo bonke abantu abasixhasileyo. Ngoku kufuneka silungiselele umdlalo olandelayo kwiChampions League," utshilo uCardoso. ISundowns iza kudibana neKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank Cup ngempelaveki.
Related Topics: